YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 48

48
1Kwaye kute emveni kwezizinto, kwatiwa ku‐Josefe: Bona ke, uyihlo uyafa. Wasuka watabata naye onyana bake bobabini, u‐Manase no‐Frayime. 2Kwaza kwaxelwa ku‐Yakobi, kwatiwa: Bona ke, unyana wako u‐Josefe uyeza kuwe. Waye u‐Sirayeli wazomeleza, wahlala pezu kwawo umandlalo. 3Wandula u‐Yakobi wati ku‐Josefe: Utixo onamandla onke wabonakala kum e‐Luze, elizweni le‐Kanane, wanditamsanqela, 4wati kum: Bona ke, ndokucumisa, ndikwandise, ndenze ngawe umhlambi wabantu; ndandiya kunika elilizwe kwinzalo yako emva kwako libe yimfuyo engunapakade. 5Nakaloku, onyana bako bobabini, abebezelwe kuwe ezweni le‐Jipete, ndingekafiki kuwe e‐Jipete, ngabam: u‐Frayime no‐Manase boba ngabam, njengo‐Rubene no‐Simone. 6Kodwa abantwana bako, oya kubazala emva kwabo, boba ngabako; baya kubizwa ngegama labazalwana babo elifeni labo. 7Mna ke, ekuveleni kwam e‐Padane, wabubela kum u‐Rakele ezweni le‐Kanane, endleleni, nxa ibiseko indawana yomhlaba ukuba kufikwe e‐Eferata; ndaye ndimncw̔aba kona endleleni yase‐Eferata, ekwa yiyo i‐Beteleheme.
8Waye u‐Sirayeli ebona onyana baka‐Josefe, wati: Bangobanina aba? 9Wati u‐Josefe kuyise: Bangonyana bam, endibapiweyo ngutixo kulendawo. Wayesiti: Zubazise kum, ukuba ndibatamsanqele. 10Koko amehlo ka‐Sirayeli ebenzima ngobudala, wada wakohlwa kukubona. Waza wabasondeza kuye; wandu ukubanga, wabasingata. 11Wayesiti u‐Sirayeli ku‐Josefe: Bendingabanga ndiya kubona ubuso bako; kanti, bona ke, utixo undibonisile nenzalo yako. 12Waza u‐Josefe wabapumisa emadolweni ake, waziqubuda ebusweni bake ngasemhlabeni. 13Waye u‐Josefe wabatabata bobabini, u‐Frayime ngesokunene isandla sake ngakuso esokohlo isandla sika‐Sirayeli, no‐Manase ngesokohlo isandla sake ngakuso esokunene isandla sika‐Sirayeli, wabasondeza kuye. 14Waza u‐Sirayeli wolula isandla sake sokunene, wasibeka pezu kwentloko ka‐Frayime, obenguye omncinane, nesandla sake sokohlo pezu kwentloko ka‐Manase, ezibeka izandla zake ngokutelekelela; ngokuba u‐Manase ebengowamazibulo.
15Wandula wamtamsanqela u‐Josefe, wati: Wanga angati utixo, lowo bahambile pambi kwake obawo bam, u‐Abrahame no‐Yisake, utixo ondidlisileyo kwa sekuzalweni kwam kwada kwanamhla, 16kwa ingelosi endikululeyo kubo bonke ububi, atamsanqele abafana aba; malibizwe pezu kwabo igama lam, negama lobawo bam, u‐Abrahame no‐Yisake; mabakolise ukwanda kakulu pakati kwelizwe! 17Wati u‐Josefe akubona okokuba uyise ubekile isandla sake sokunene pezu kwentloko ka‐Frayime, kwakubi emehlweni ake; waza wabamba isandla sikayise, ukuba asikwelelise entlokweni ka‐Frayime asibeke pezu kwentloko ka‐Manase. 18Waye u‐Josefe esiti kuyise: Makungabi njalo, bawo! ngokuba nguló owamazibulo; beka isandla sako sokunene pezu kwentloko yake. 19Koko walayo uyise, wati: Ndiyakwazi, nyana wam! ndiyakwazi; yena naye woba ngabantu, yena naye woba mkulu; kodwa umninawe wake omncinane uya kumgqita ngobukulu noko, nenzalo yake yoba yinto eninzi yezizwe. 20Waza wabatamsanqela ngaleyomini, esiti: Kwa ngawe o‐Sirayeli baya kutamsanqela, besiti: Wanga utixo angakwenza njengo‐Frayime nanjengo‐Manase! Wayebeka u‐Frayime pambi kwo‐Manase.
21Wandula wati u‐Sirayeli ku‐Josefe: Bona ke, ndiyabuba; koko utixo eya kuba nani, anibuyisele elizweni loyihlo benu. 22Kanjalo ndikunikile isahlulo sinye ngapezu kwabazalwana bako, endasisusayo esandleni saba‐Amori ngesiṙele sam nangesipeta sam.

Currently Selected:

I‐Genesise 48: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in