YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 50

50
1Waza u‐Josefe wawela ubuso boyise, walila pezu kwake, wamanga. 2Wayeyalela u‐Josefe izicaka zake incibi zamayeza, ukuba zimnyange uyise; zaza incibi zamayeza zamnyanga u‐Sirayeli. 3Kwamzalisekiselwa imihla yamashumi mane; ngokuba bekunjalo ukuzalisekiswa kwemihla yabanyangwayo: aye ama‐Jipete amlilela imihla yamashumi asixe̔nxe. 4Kwati kwakuba kudlulile imihla yokulilelwa kwake, wandula wateta u‐Josefe kwabendlu ka‐Faro, esiti: Ukuba ndike ndafumana ufefe emehlweni enu, zenitete ezindlebeni zika‐Faro, nisiti: 5Ubawo wandifungisa, esiti: Bona ke, ndiza kububa; encw̔abeni lam endizimbele lona elizweni le‐Kanane, kwa kona apo uya kundincw̔aba. Kaloku makendinyuke ukuya kumncw̔aba ubawo, ndandule ukubuya.
6Wati u‐Faro: Nyuka, uye umncw̔abe uyihlo, njengokukufungisa kwake.
7Waza wenyuka u‐Josefe ukuya kumncw̔aba uyise: kwenyuka naye zonke izicaka zika‐Faro, abadala bendlu yake, nabo bonke abadala belizwe le‐Jipete; 8kwa nayo yonke indlu ka‐Josefe, nabazalwana bake, nendlu kayise: kupela intsatshana zabo, negusha zabo, nenkomo zabo, bazishiya elizweni le‐Goshene. 9Kwaye kunyuka naye nenqwelo nabakweli bamahashe; lalilibandla elikulu kakulu. 10Bada bafika esibayeni sokubula sika‐Atade, esipesheya kwe‐Yoredane; baza balila kona ngesililo esikulu nesinzima kunene; wayemenzela uyise isijwili imihla yasixe̔nxe. 11Bandula abemi belozwe, aba‐Kanane, bakubona isijwili eso esibayeni sika‐Atade, bati: Sisijwili esinzima esi kuma‐Jipete; ngako oko kwabizwa igama laso ngokuti, yi‐Abele‐mitsarime#50:11 Oko kukuti: Isijwili sama‐Jipete., epesheya kwe‐Yoredane. 12Benje njalo ke onyana bake kuye, njengokuba ebebayalele: 13ngokuba onyana bake bamtwalela elizweni le‐Kanane, baza bamncw̔aba emqolombeni wentsimi yase‐Makapela, lowo u‐Abrahame wabewutengile kunye nentsimi, ube yimfuyo yendawo yokuncw̔aba, ku‐Hefrone um‐Hete, ngapambi kwe‐Mamre.
14Wandula u‐Josefe wabuyela e‐Jipete, kwa yena, nabazalwana bake, nabo bonke abebenyukile naye ukuya kumncw̔aba uyise, emveni kwokumncw̔aba kwake uyise.
15KEKALOKU bakubona abakuluwe baka‐Josefe ukuba ufile uyise wabo, bandula bati: Angaba u‐Josefe uya kusitiya, abuyekeze kuti ngokwenyaniso bonke ububi esasimenzela bona. 16Baza bayaleza ku‐Josefe, besiti: Uyihlo wayolela engekabubi ngokuti: 17Niya kutsho ku‐Josefe ukuti: Uze uke uxolele isilandu sabakuluwe bako, nesono sabo; ngokuba bekwenzele inkohlakalo: ngako kaloku, uze uxolele isilandu sezicaka zake utixo woyihlo wako. Walila ke u‐Josefe kwakutetwa kuye. 18Basuka baya nabakuluwe bake, bawa pantsi ebusweni bake, bati: Nanku sizizicaka zako! 19Waza wati u‐Josefe kubo: Ningoyiki; ngokuba ndisendaweni katixo yinina? 20Nina okunene nibe nicinga ngakum inkohlakalo; oko kodwa utixo wakucingela okulungileyo, kuze kuti, njengokuba kunjalo kwa namhla nje, kulondolozwe abantu abaninzi ebomini. 21Ngako kaloku, ningoyiki; ndonifunzela nina, kwa nentsapo zenu. Waza wabatutuzela, wateta ezintliziyweni zabo.
22Waye u‐Josefe wema e‐Jipete, yena nendlu kayise: wati u‐Josefe wahlala iminyaka yalikulu lineshumi nye. 23Wabona u‐Josefe abaka‐Frayime abantwana besesitatu isizukulwana; kanjalo abantwana baka‐Makire, unyana ka‐Manase, babezelwe pezu kwamadolo ka‐Josefe.
24Wandula wati u‐Josefe kubazalwana bake: Bona ke, ndiza kububa mna; koko utixo eya kunikumbula ngenyaniso, aninyuse kwelilizwe ukuya ezweni wabefunga ngalo ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi. 25Waza u‐Josefe wafungisa usapo luka‐Sirayeli, esiti: Utixo wonikumbula ngenyaniso, naniya kunyusa amatambo am kulendawo. 26Wada wabuba u‐Josefe, eyiminyaka ilikulu lineshumi nye ubudala bake: baye bemnyanga ke, waza wafakwa etyeyeni e‐Jipete.

Currently Selected:

I‐Genesise 50: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in