YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 9

9
1Waye utixo etamsanqela u‐Nowa nonyana bake, wati kubo: Cumani, nande, nizalise umhlaba. 2Nokwoyikwa kwenu, nokunkwantywa kwenu, makube pezu kwazo zonke izilo zomhlaba, napezu kwazo zonke intaka zezulu; kuzo zonke izinto ezishukumayo emhlabeni, nakuzo zonke intlanzi zolwandle: sezinikelwe esandleni senu. 3Konke okushukumayo, oko kunokudliwa kwobomi, kwoba kukutya kuni; kwa njengomfuno oluhlaza ndinipile konke. 4Kodwa inyama isenabo ubomi bayo, oko kukuti, igazi layo, ningatyi yona. 5Ngokuba ngenyaniso igazi lenu, elobomi benu, ndiya kulibuza; kwa sesandleni sezilo zonke ndiya kulibuza; nasesandleni sabantu, esandleni sabazalwana babo abanye ngabanye, ndiya kubuza ubomi babantu. 6Opalaza igazi labantu, elake igazi liya kupalazwa ngabantu; ngokuba bekungomfanekiso katixo wenzayo abantu. 7Kodwa nina, cumani, nande; kolisani ukuzala emhlabeni, nande kuwo.
8Wabuya wateta utixo ku‐Nowa, nakonyana bake kunye naye, esiti: 9Mna, bona ke, ndiyamisa ucebano lwam kunye nani, nakunye nenzalo yenu emva kwenu; 10kwa kunye nazo zonke izinto ezipilileyo ezikuni, intaka, nenkomo, nazo zonke izilo zomhlaba kunye nani; kuzo zonke ezipumileyo enqanaweni, kude kube kuzo zonke izilo zomhlaba. 11Ndandiya kumisa ucebano lwam nani, okokuba akusayi kunqanyulwa inyama yonke kanjako ngamanzi omsingakazi; nokuba akusayi kubuya kubeko umsingakazi wokutshabalalisa umhlaba.
12Wayesiti utixo: Lo ngumqondiso wocebano olo ndilwenzayo pakati kwam nani, nazo zonke izinto ezipilileyo ezikuni, kwisizukulwana ngesizukulwana kude kube ngunapakade: 13Umnyama wam ndiwubekile elifini; wona woba ngumqondiso wocebano pakati kwam nomhlaba. 14Kwakuya kuti, ndakulenza ilifu lisibekelele umhlaba, uze umnyama lowo ubonakale elifini; 15ndiya kwandula ndikumbule ucebano lwam, olupakati kwam nani, nazo zonke izinto ezipilileyo, ezenyama yonke; ati amanzi angabuyi abe ngumsingakazi wokutshabalalisa umhlaba. 16Nxa lomnyama uya kubako elifini, ndiya kwandula ndikangele pezu kwawo, ukuba ndikumbule ucebano olungunapakade pakati kwake utixo nazo zonke izinto ezipilileyo, ezenyama yonke esemhlabeni. 17Waza utixo wati ku‐Nowa: Lo ngumqondiso wocebano endilumisileyo pakati kwam nayo yonke inyama esemhlabeni.
18KEKALOKU onyana baka‐Nowa, abo babepumile enqanaweni, bebengu‐Sheme, no‐Hame, no‐Jafete: waye u‐Hame enguyise ka‐Kanane. 19Aba batatu bebengonyana baka‐Nowa; ekungabo utelwe sa umhlaba wonke.
20Waza u‐Nowa waqala ukuba ngumlimi womhlaba, watyala isitiya semiti yeveyine. 21Wayesela kuyo iveyine, ude wanxila; waye ehlubulukile pakati kwentente yake. 22Waza u‐Hame, uyise ka‐Kanane, wabona ubuzé boyise, waya waxelela abakuluwe bake bobabini ngapandle. 23Bandula u‐Sheme no‐Jafete batabata ingubo, bayibeka emagxalabeni abo bobabini, baya ngomva, bagubungela ubuze boyise wabo; ubuso babo bebujika ngomva, baze bangaboni ubuzé boyise wabo. 24Ude wavuka u‐Nowa kokweveyine yake, wayesazi oko abekwenzile kuye unyana wake omncinane. 25Waza wati: Makaqalekiswe u‐Kanane; abe sisicaka sezicaka kubakuluwe bake. 26Wati kanjalo: Makabongwe uyehova, utixo ka‐Sheme; abe u‐Kanane esisicaka kuye. 27Utixo makandise u‐Jafete, aze ahlale ezintenteni zika‐Sheme; ati u‐Kanane abe sisicaka kuye.
28Waye u‐Nowa wahlala emveni kwomsingakazi iminyaka yamakulu matatu anamashumi mahlanu. 29Yonke imihla ka‐Nowa ibiyiminyaka ingamakulu alitoba anamashumi mahlanu; wada wafa.

Currently Selected:

I‐Genesise 9: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in