Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 13
13
1UKUTANDA abazalwana makuhlale kubako. 2Imbuko yabasemzini ningayilibali: ngokuba bete ngayo inxenye bazamkela ingelosi bengazazi. 3Bakumbuleni ababanjwa, njengababanjwa kunye nabo; nabapatwa kakubi, njengokuba nani niseko emzimbeni. 4Ukutshata makube kubekekile pakati kwabo bonke, nesilili masibe singanco̔liswa: abapimisi kodwa nabaṙexezi utixo wobagweba. 5Ukumila kwenu makube kokungenakutanda imali; nize nitomalale zizinto ezikoyo: ngokuba ete yena: Andisayi kukuyeka, andisayi kukushiya kanjalo. 6Side somelele tina ukuti: Uyehova ungumsizi wam, andiyi kwoyika into endiya kwenzelwa yona ngumntu.
7Kumbulani abakokeli benu, abo baliteta kuni ilizwi likatixo; niti, nigqala nje isipelo sokuhlala kwabo, nilandele ukolo lwabo. 8U‐Yesu Kristu izolo nanamhla ukwa nguye, nakude kube ngunapakade. 9Ningaqu̔tywaqu̔tywa ngemfundiso ezininzi nezasemzini: ngokuba kulungile ukuba intliziyo iqiniswe ngokolo, kungabi ngezinto zokudla, abangancedwanga luto abo bahamba kuzo. 10Sinaso isibingelo, abangenagunya lokuba batye kokwaso abo bayikonzayo itabanakele.
11Ngokuba ezozilo igazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyingcwele indawo ngomperisite omkulu, imizimba yazo ezi iyatshiswa ngapandle kwomnquba. 12Ngako oko naye u‐Yesu, ukuze abantu abenze ngcwele ngelake igazi, weva ukufa ngapandle kwesango. 13Masiti ngoko ke sipumele kuye ngapandle kwomnquba, sitwala nje isitukelwa sake. 14Ngokuba singenasixeko apa esinokuhlala, koko sifuna eso siza kuza. 15Masiti ngoko ngaye yena sinikele idini lendumiso ngamaxesha onke kutixo, oko kukuti, isixakato somlomo ubulela egameni lake. 16Kodwa ukwenza okulungileyo nokwabela abanye ningakulibali: ngokuba utixo ekoliswa ngamadini anjalo kakulu.
17Baveni abakokeli benu, nibalulamele: ngokuba bona bepapama pezu kwemipefumlo yenu, njengabo abaya kuzipendulela; ukuze bakwenze oku benovuyo, bengenakugula kanti; ngokuba kungalungele nina oku.
18Sitandazeleni: ngokuba sinokutemba ukuba sinaso isazeliso esilungileyo, sifuna nje ukuhlala kakuhle ezintweni zonke. 19Kanjalo ndiyanikunga kakulu ngakumbi ukuba nikwenje njalo, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.
20Kekaloku utixo woxolo, owamnyusayo kwabafileyo umalusi wezimvu, lowo umkulu, enegazi locebano olungunapakade, inkosi yetu u‐Yesu, 21wanga anganizalisekisa kuyo yonke imisebenzi elungileyo, nize niyenze intando yake, ekwenza kuni oko kukolekileyo ebusweni bake, ngaye u‐Yesu Kristu; okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
22Kanjalo ndiyanikunga, bazalwana! linyamezeleni elilizwi lokuyala; ngokuba ndiba̔lile kuni ngokufutshane. 23Yazini ukuba umzalwana wetu u‐Timote ukululwe: endiya kuti, ukuba uyafika kamsinyane, ndize naye ukunibona. 24Bulisani bonke abakokeli benu, nabo bonke abangcwele. Bayabulisa nina abo base‐Yitaliya.
25Ufefe malube nani nonke. Amene.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 13: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: