YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 24

24
1BONA ke, uyehova uyalenza zé ilizwe, uyalenza ubala; uyapetula ubuso balo, nabemi balo uyabati sa. 2Kwoti ke, njengokuba benjalo abantu, woba njalo umperisite; njengokuba sinjalo isicaka, yoba njalo inkosi yaso; njengokuba sinjalo isicakakazi, yoba njalo inkosikazi yaso; njengokuba enjalo umtengi, woba njalo umtengisi; njengokuba enjalo umboleki, woba njalo obolekwayo; njengokuba enjalo umamkeli wemali, woba njalo oyinika kuye. 3Ilizwe logqityelwa ukwenzwa zé, logqityelwa nokupangwa; ngokuba uyehova elitetile ilizwi eli. 4Ilizwe liyalila, liyonakala; umhlaba omiwayo uyacubuka, uyonakala; abakulu ebantwini belizwe bayacubuka. 5Kanjalo ilizwe linco̔lisiwe ngapantsi kwabemi balo; ngokuba begqitile imiteto; baguqule imimiso; bapulile ucebano olungunapakade. 6Kungoko isiqalekiso sidlayo ilizwe, nabemiyo kulo bamiselwe ityala; kungoko abemi belizwe batshisiwe, nabantu abaseleyo balula. 7Iveyine entsha iyalila, umti weveyine uyabuna; bonke abantliziyo icwayitile bayagula. 8Uvuyo lwentambula luyapumla; intsholo yabagcobayo ipelile; uvuyo lwohadi luyapumla. 9Abayi kusela iveyine ngengoma; utywala boba ṙaṙa kwababuselayo. 10Isixeko esibunxuwa sicitiwe; zonke izindlu zivalelwe, kuze kungangenwa mntu. 11Kuko ukukalelwa iveyine ezitarateni; kuhlwile umgcobo wonke; kumkile uvuyo lwelizwe. 12Kusele esixekweni utshabalalo, nesango lona liqekeziwe lacitwa. 13Koko kuya kuba njalo emhlabeni, pakati kwezizwe, njengasekuvutululweni kwomnquma, njengezibikico nxa kugqityiweyo ukuvunwa kwemiti yeveyine. 14Bona baya kupakamisa ilizwi labo, baya kucula; ngenxa yobungangamsha bukayehova bodanduluka ngovuyo kwa selwandle. 15Ngako oko dumisani uyehova emililweni, igama likayehova, lotixo wo‐Sirayeli, eziqitini zolwandle. 16Kwa sesipelweni somhlaba sivile amaculo okuti: Makubeko ubungcwalisa kolungileyo!
Koko ndite: Ilishwa lam! ilishwa lam! au mna! abatimbi bayatimba; ewe, itimbo abatimbi bayalitimba. 17Isoyikiso, nesihogo, nomgibe, zipezu kwako, wena umiyo emhlabeni! 18Kwakuya kuti, lowo usabayo ilizwi lesoyikiso, uya kweyela esihogweni; nalowo unyukayo esihogweni, uya kubanjiswa emgibeni: ngokuba izituba zezulu zivulekile, nemisekelo yomhlaba iyangcangcazela. 19Ilizwe liqekekile kanye, ilizwe liṙazukile kakulu, ilizwe liyahexa kakulu. 20Ilizwe liyagexagexa njengenxila, liyazamazama njengepempe; kunzima pezu kwalo ukwona kwalo; liya kuwa, lingabuyi lisuke kanjalo. 21Kwakuya kuti ngomhla lowo, uyehova uya kwohlwaya umkosi wezulu pezulu, nokumkani bomhlaba emhlabeni. 22Baya kuhlanganiselwa ndawonye, njengababanjwa besiya esihogweni; babeya kutshixelwa entolongweni; kodwa emveni kwemihla emininzi baya kunonelelwa. 23Inyanga yoba nentloni, nelanga liya kudana, xeshekweni uyehova wemikosi aya kupata ubukumkani entabeni ye‐Ziyone, nase‐Yerusaleme, napambi kwabadala bake, ngento ebungcwalisa.

Currently Selected:

U‐Yisaya 24: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in