YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 26

26
1NGOMHLA lowo eliculo liya kuvunywa elizweni lakwa‐Juda, lokuti: Sinesixeko esinamandla; usindiso wolumisela indonga nendawo ezinqatyisiweyo. 2Vulani amasango, ukuba singene isizwe esilungileyo, esigcinayo inyaniso. 3Okucinga kuqinisekile, uya kumgcina eluxolweni olukolisekileyo, ngokuba etembela kuwe. 4Tembelani kuyehova kude kube ngunapakade; ngokuba okunene uyehova nguyahi — ilityekazi elingunapakade. 5Ngokuba ebatobisile abo babehleli pezulu; isixeko esipakamileyo usitobele pantsi; usitobele pantsi kude kube semhlabeni; usiwisele kwa selutulini. 6Unyawo luyasinyatela, inyawo zonosizi, amanyatela amahlwempu. 7Indlela yolungileyo ilungelelene kanye; wena ulungisayo! indlela yolungileyo uyayilungelelanisa. 8Kwa sendleleni yemigwebo yako, Yehova! sikulindile; inkanuko yompefumlo wetu ingasegameni lako, nasekukunjulweni kwako. 9Ngompefumlo wam ndikukanukile ebusuku; nangomoya wam pakati kwam ndikufunile kusasa; ngokuba, okuya imigwebo yako isemhlabeni, abemi bomhlaba befunda ubulungisa. 10Ukuba okohlakeleyo uya kupatwa ngofefe, akayi kufunda ubulungisa noko; ezweni lokulunga uya kwenza ngobumenemene, angagqali ubukulu bukayehova. 11Yehova! isandla sako sipakamile, abasiboni noko; baya kubona, badane ke; ubukwele ngasebantwini bako, ewe, umlilo ngasezintshabeni zako wozigqibela. 12Yehova! uya kusimisela uxolo; ngokuba usenzele yonke imisebenzi yetu kanjalo. 13Yehova, Tixo wetu! ezinye inkosi ngapandle kwako zisipete ngamandla; kodwa ngawe wedwa sokankanya igama lako. 14Zifile, azisayi kupila; zibubile, azisayi kuvuka: ngokokuba uzohlwayile wazitshabalalisa, nayo yonke inkunjulwa yazo wayibubisa. 15Usandisile isizwe, Yehova! usandisile isizwe; wenzelwe ubungcwalisa; zonke izipelo zelizwe uzifudusele kude.
16 Yehova! ebunzimeni bakufunile; batulula intsebezo yokutandaza ngapantsi kwokubeta kwako. 17Njengokuba umfazi omitiyo, ohlalel’ ukuzala, enokututumba, akale ngentlungu zake, sibe sikwa njalo singeko ebusweni bako, Yehova! 18Besimitile, besinokututumba, sati sakuzala, ubungumoya; asenzelanga ilizwe usindiswa; kanjako abemi bomhlaba abawanga.
19Abafileyo bako bobuya bapile; abasidumbu sam baya kuvuka; vukani nicule, nina bahleli elutulini! ngokuba unjengombete wemifuno umbete wako, waye umhlaba uya kuku̔pa ababubileyo.
20Yizani, bantu bam! ngenani ezinkambilini zenu, nivale ingcango zenu emva kwenu; zifihleni, kube njengexanyana elincinanana, ude umsindo ugqite. 21Ngokuba, bona ke! uyehova epuma endaweni yake, ukuya kuyohlwayela inkohlakalo yabemi bomhlaba pezu kwabo; kanjalo umhlaba uya kutyila igazi lawo, ungabi saselela ababuleweyo bawo.

Currently Selected:

U‐Yisaya 26: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in