YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 35

35
1INTLANGO nelizwe elomileyo zogcoba ngenxa yabo, nobala luya kuvuyelela, lutyatyambe njengembali. 2Luya kutyatyamba ngokukulu, luvuye nokuvuya, kwa ngokuvuyelela nangokucula: luya kunikwa ubungcwalisa be‐Lebanone, inkazimlo ye‐Karamele ne‐Sharone: baya kubona ubungcwalisa bukayehova, inkazimlo katixo wetu.
3Yomelezani izandla ezipolelweyo, namadolo ahexayo niwaqinise. 4Yitini kwabantliziyo inkwantyayo: Yomelelani, ningoyiki; nanku utixo wenu! impindezelo iyeza, ukuvuza kukatixo; yena uya kuza anisindise.
5Oko amehlo emfama aya kutyilwa, nendlebe zezitulu zovulwa. 6Oko isiqwala siya kutsiba njengexama, nolwimi lwesidenge luya kucula: ngokuba amanzi eya kutyoboza entlango, nemilanjana elubala. 7Isanga soba licibi, nomhlaba onxaniweyo woba ngamatende amanzi; esikundleni sencu̔ka, apo zibutuma kona, kwobako indawo yengcongolo nemikanzi. 8Kwakuya kubako kona umendo opakamileyo, nendlela, eya kubizwa ngokuti yindlela ebungcwele; onco̔lileyo akayi kudlula ngayo, koko iya kuba yeyabo bona; abahambi, noko bazizidenge, abasakulahleka. 9Akuyi kubako ingonyama kona; kanjalo iṙamncwa eliqwengayo aliyi kunyuka pezu kwayo; alisayi kufunyanwa kona: kodwa abakululweyo baya kuhamba ngayo. 10Ngokuba abahlaulelweyo bakayehova beya kubuya, beze e‐Ziyone ngokucula; uvuyo olungunapakade lwoba pezu kwentloko zabo; baya kuzuza umgcobo novuyo, kubaleke usizi nokugula.

Currently Selected:

U‐Yisaya 35: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in