U‐Yisaya 52
52
1Vuka, vuka, yambata amandla ako, Ziyone! yambata izivato zako ezihle, Yerusaleme, sixeko esingcwele! ngokuba kungasayi kubuya kungene kuwe ongalukileyo nonco̔lileyo. 2Zivutulule elutulini: suka, uhlale pantsi, Yerusaleme! zicumbulule ezinxityeni zentamo yako, wena ntombi etinjiweyo yase‐Ziyone! 3Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Nazitengisa kungeko nto; kanjalo niya kukululwa kungeko mali. 4Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Abantu bam behlela e‐Jipete ekuqaleni, ukuya kupambukela kona; wati um‐Asiriya ekupeleni wababandezela. 5Nakaloku, ndinanto nina apa, utsho uyehova, ukuba kususwe abantu bam kungeko nto? abapati babo bayakala, utsho uyehova; kufuti imihla yonke igama lam ligxekwa. 6Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngomhla lowo, ukuba ndinguye otetayo: nanku mna!
7Hai ukuba ntle kwazo pezu kwentaba inyawo zalowo ushumayelayo indaba ezimnandi, ovakalisayo uxolo, oshumayelayo okulungileyo, ovakalisayo usindiso, esiti kwi‐Ziyone: Utixo wako upete ubukumkani! 8Abalindi bako bopakamisa ilizwi; ngelizwi labo baya kuvuma kunye; ngokuba beya kubona iliso kwiliso, nxa uyehova aya kubuyisa i‐Ziyone. 9Gqabukani, nivume kunye, zindawo ezicitakeleyo ze‐Yerusaleme! ngokuba uyehova etutuzele abantu bake; ukulule i‐Yerusaleme. 10Uyehova uhlubile ingalo yake engcwele emehlweni azo zonke izizwe; nazo zonke izipelo zomhlaba ziya kubona usindiso lwotixo wetu.
11Mukani, mukani, pumani kwa kona; okunco̔lileyo ningakucukumisi; pumani pakati kwayo; yibani mhlope, nina enitweleyo impahla zikayehova! 12Ngokuba ningayi kupuma ngobunxamo, kanjalo aniyi kuya ngentsabo; ngokuba uyehova eya kuhamba pambi kwenu, utixo ka‐Sirayeli wonibuta ngasemva.
13BONA ke, isicaka sam siya kulungiseka; siya kwenzwa sikulu, siya kupakanyiswa, sobekwa pezulu kakulu. 14Njengokuba bekutele nqa abaninzi, (kwakunjalo ukwonakala kwokubonakala kwaso ngapezu kwokwomntu, nokwesimilo saso ngapezu kwesonyana babantu,) 15kwa njalo siya kufefa izizwe ezininzi: ngenxa yaso okumkani baya kuvingca imilomo yabo; ngokuba oko bebengakubaliselwanga bokubona; noko bebengakuvanga bokuqonda.
Currently Selected:
U‐Yisaya 52: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: