U‐Yisaya 55
55
1HOI! bonke abanxaniweyo, yizani emanzini, nalowo ongenamali; yizani, tengani nidle; ewe, yizani, tengani iveyine namasi, kungeko imali, kungeko naxabiso. 2Kunganina ukuba ninike imali ngenxa yokungesisonka, nenzuzo yenu ngenxa yokungahlutisiyo? Kutalani ukupulapula kum, nize nidle okumnandi, nomxe̔lo wenu mauziyolise ngobunqata. 3Tobani indlebe yenu, nize kum; yivani, ukuba kupile umpefumlo wenu; ndandiya kulwenza nani ucebano olungunapakade, izibele eziqinisekileyo zika‐Davide.
4Bona ke, ndimnikile abe linqi̔na ebantwini, inkosi nompati wabantu. 5Bona ke, isizwe ubungasazi uya kusibiza, nesizwe esibe singazi wena sobalekela kuwe, ngenxa yake uyehova, utixo wako, nangenxa yake oyingcwele ka‐Sirayeli, okuhombileyo.
6Funani uyehova nxa angafunyanwayo; bizani kuye nxa akoyo kufupi: 7okohlakeleyo makashiye indlela yake, nongalungileyo inkumbulo zake; makabuyele kuyehova, woba nezibele kuye; na kutixo wetu, ngokuba eya kuxolela kakulu. 8Ngokuba inkumbulo zenu azizizo inkumbulo zam; kanjako indlela zenu azizizo indlela zam, utsho uyehova. 9Ngokuba, njengokuba amazulu epezulu pezu kwomhlaba, kwa njalo indlela zam zipezulu pezu kwendlela zenu, nenkumbulo zam pezu kwenkumbulo zenu. 10Ngokuba, njengokuba isihla imvula nengqweqwe ezulwini, ize ingabuyeli kona, koko iwunyela umhlaba, iwenze ukuba uvelise nokuba uhlumise, ukuze unike imbewu kuye ohlwayelayo, nesonka kuye odlayo; 11loba njalo ilizwi lam, elipumayo emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lingenanto; kodwa liya kufeza oko endikutandayo, laliya kutamsanqeleka koko endituma ngako. 12Ngokuba niya kupuma ngovuyo, niya kupelekelelwa ngoxolo; intaba nenduli ziya kugqabukela ekuculeni pambi kwenu, nayo yonke imiti yasendle iya kwenza intlombe. 13Endaweni yomnga wopuma umti weberoshe, nasendaweni yomtolo wopuma umti wemutele: kwakuya kuba ligama kuyehova, nomqondiso ongunapakade ongasayi kunqanyulwa.
Currently Selected:
U‐Yisaya 55: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: