Abagwebi 17
17
1KWABEKUKO indoda yasentabeni yakwa‐Frayime, egama belingu‐Mika. 2Yayisiti kunina: Ishekele zesilivere eziliwaka linekulu, ezibe zitatyatwa kuwe, obuqalekisa ngazo, nobuteta ngazo nasezindlebeni zam, nantsi ke isilivere leyo inam; mna ndiyitabatile. Waza unina wati: Mautanyusanqelwe nguyehova, nyana wam! 3Yandula yabuyisela kunina ezozishekele zesilivere ziliwaka linekulu. Koko wati unina: Bendigqibele ukuyingcwalisa isilivere leyo kuyehova ivela esandleni sam, ibe yeyonyana wam, ukuba kwenzwe umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyityishiweyo; ngako kaloku ndoyibuyisela kuwe. 4Kodwa yabuyisela isilivere leyo kunina. Waza unina watabata ishekele zesilivere ezimakulu mabini, wazinika kwincibi, eyenza ngazo umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyityishiweyo; owabuko endlwini ka‐Mika. 5Kekaloku indoda leyo u‐Mika ibinendlu katixo, yenza iyefodi neterafi, yazalisa isandla somnye konyana bayo, owaba ngumperisite wayo. 6Ngalomihla bekungeko ukumkani kwa‐Sirayeli; abanye ngabanye bakwenza okufaneleyo emehlweni abo.
7Kwaye kuko indodana yase‐Beteleheme‐juda, eyesizalwane sika‐Juda, ebingum‐Levi, ebipambukele kona. 8Yati indoda le yemka esixekweni eso, e‐Beteleheme‐juda, ukuya kupambukela apo iya kufumana indawo kona: yada yafika entabeni yakwa‐Frayime, endlwini ka‐Mika, ukwenza ihambo yayo. 9Waza u Mika wati kuyo: Uvela pina? Yayisiti kuye: Ndingum‐Levi wase‐Beteleheme‐juda; ndiyahamba ukuya kupambukela apo ndiya kufumana indawo kona. 10Wandula u‐Mika wati kuye: Hlala nam, ube ngubawo nomperisite kum, ndandiya kukunika ishumi leshekele zesilivere ngomnyaka ngomnyaka, nezivato ezifanelekileyo, nokutya kwako. Waza um‐Levi waya naye. 11Kwa njalo um‐Levi wavuma ukuhlala nalondoda; yaza indodana leyo yaba njengomnye wonyana bayo kuyo. 12Waye u‐Mika wazalisa isandla som‐Levi, yati indodana le yaba ngumperisite wake, yabiko endlwini ka‐Mika. 13Waza wati u‐Mika: Kaloku ndiyazi ukuba uyehova uya kundenzela okulungileyo, ngokuba ndinom‐Levi abe ngumperisite wam.
Currently Selected:
Abagwebi 17: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: