Ivangeli ka‐Johane 15
15
1MNA ndinguwo umti weveyine oyinyaniso, nobawo unguye umlimi. 2Onke amasebe akum engavelisi iziqa̔mo, wona uyawasusa: nawo onke evelisa iziqa̔mo, wona uyawahlambulula, ukuze avelise iziqa̔mo ezininzi ngakumbi. 3Nina nise nihlambululekile, ngetuba lelizwi endilitetileyo kuni. 4Hlalani kum, ndihlale nam kuni. Njengokuba isebe lingevelise iziqa̔mo ngokwalo, xeshekweni lingahlali emtini weveyine; kwa njalo nani aningevelise iziqa̔mo, xeshekweni ningahlali kum. 5Mna ndinguwo umti weveyine, nina ningawo amasebe: oti ahlale kum, nam ndihlale kuye, yena lo uyavelisa iziqa̔mo ezininzi; ngokuba ngapandle kwam ningenze luto. 6Ukuba umntu akahlali kum, uyalahlwa njengesebe, ashwabane; bati abantu bawabute, bawapose emlilweni, atshiswe ke. 7Ukuba niti nihlale kum, namazwi am ahlale kuni, niya kucela into enisukuba nitanda ukuyicela, naniya kwenzelwa yona. 8Ngako oku uyenzelwa ubungcwalisa ubawo, ukuba nivelise iziqa̔mo ezininzi; naniya kuba ngabadisipile bam.
9Njengokuba enditandile mna ubawo, nam ndinitandile nina kwa njalo: hlalani elutandweni lwam. 10Ukuba niyagcina imiyalelo yam, niya kuhlala elutandweni lwam; kwa njengokuba mna ndiyigcinile imiyalelo kabawo, ndihlala nokuhlala elutandweni lwake. 11Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, nokuba uvuyo lwenu luzaliseke.
12Nguwo lo umyalelo wam, owokuba nitandane, kwa njengokuba nditandile nina. 13Akuko namnye onotando olukulu kulo olu, lwokokuba umntu abeke pantsi ubomi bake ngenxa yezihlobo zake. 14Nina nizizihlobo zam, nxa nizenza zonke izinto endiniyaleleyo. 15Andisatsho ukuti nizizicaka; ngokuba isicaka singazi oko ikwenzayo inkosi yaso: kodwa ndite nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endizivileyo kubawo ndizazisile kuni. 16Nina ananyula mna, koko mna ndanyula nina, ndanimisa, ukuze niye nivelise iziqa̔mo, nokuba iziqa̔mo zenu zibe nokuhlala; ukuze, oko enisukuba nikucela kubawo egameni lam, anipe kona. 17Ndiyaniyalela ezizinto, ukuze nitandane.
18Ukuba ilizwe liyanitiya, niyazi ukuba litiyile mna lingekatiyi nina. 19Ukuba nibe ningabakulo ilizwe, ilizwe ngeliba litanda abalo; kodwa ngokuba ningengabakulo ilizwe, koko ndaninyulayo elizweni, ngenxa yoku ilizwe liyanitiya. 20Kumbulani ilizwi endalitshoyo kuni ukuti: Akuko sicaka esikulu kwinkosi yaso. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba baligcina ilizwi lam, boligcina nelenu. 21Koko ezizinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, kuba bengamazi lowo wanditumayo. 22Ukuba bendingezanga ndateta kubo, bebengayi kuba nasono; kodwa kaloku abanasilandulo ngaso isono sabo. 23Otiyayo mna, uyamtiya nobawo. 24Ukuba lomisebenzi bendingayenzanga pakati kwabo, ekungeko mntu omnye oyenzileyo, bebengayi kuba nasono; kodwa kaloku babonile, batiyile nokutiya kwa nam nobawo. 25Koko kunje ke ukuze lizaliseke ilizwi eliba̔liweyo emtetweni wabo lokuti: Banditiya kungeko tuba.
26Kodwa okuya afikayo umonwabisi, endiya kumtuma kuni evela kubawo, kwa umoya wenyaniso, opumayo kubawo, oyena uya kunqi̔na ngam: 27kanjalo nani ningamanqi̔na, ngokuba ninam kutabata ekuqaleni.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Johane 15: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: