Ivangeli ka‐Johane 18
18
1WATI u‐Yesu akuba ebetetile lamazwi, wapuma nabadisipile bake waya pesheya kwomlanjana we‐Kidrone, apo bekuko umyezo kona, ekwangena kuwo yena nabadisipile bake.
2Kekaloku no‐Jude, owamngcatshayo, wabeyazi indawo leyo; ngokuba bekufuti u‐Yesu wabutelana kona nabadisipile bake. 3U‐Jude ngoko, elamkele nje ibandla, namadindili evela kubo abaperisite abakulu nabafarisi, weza kona enezibane, nezikuni, nezikali.
4Wandula u‐Yesu, esazi zonke izinto ezibe zisiza pezu kwake, wapuma wati kubo: Nifuna banina? 5Bati ukumpendula: u‐Yesu wase‐Nazarete. Wati kubo u‐Yesu: Ndinguye. (Kekaloku no‐Jude owamngcatshayo ebemi ndawonye nabo.) 6Xeshekweni ngoko watsho kubo ukuti: Ndinguye; baya ngomva, bawa emhlabeni.
7Wandula wabuya wabuza kubo ukuti: Nifuna banina? Baza bati: u‐Yesu wase‐Nazarete. 8Wati u‐Yesu ukupendula: Ndatsho kuni ukuti ndinguye: ukuba ngoko niyafuna mna, yekani aba bahambe: 9ukuze lizaliseke ilizwi owalitshoyo ukuti: Abo undinikile bona, akwandilahleka namnye kubo.
10Wandula u‐Simone Petrosi enesiṙele nje wasir̔ola, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasiti nqam eyokunene indlebe. Laye lingu‐Maluke igama lesicaka eso. 11Wati ngoko u‐Yesu ku‐Petrosi: Faka isiṙele sako esinxobeni: indebe endiyinikiweyo ngubawo, ndingayiseli na?
12Bandula ukuti ibandla elo, nenkosiwaka, namadindili ama‐Juda, bambamba u‐Yesu, bamnxiba, 13bamr̔olela ku‐Anasi kuqala; ngokuba ebengusomfazi ku‐Kayafasi, obengumperisite omkulu ngomnyaka lowo. 14Kekaloku ebengu‐Kayafasi owanika icebo kuma‐Juda, lokuti kusilungele ukuba umntu emnye afe ngenxa yabantu.
15Waza u‐Simone Petrosi wamlandela u‐Yesu, kwa nalomdisipile omnye: waye ke umdisipile lowo esaziwa ngumperisite omkulu, wangena no‐Yesu ekusini lendlu yomperisite omkulu. 16Kodwa u‐Petrosi ebemi ngaselucangweni ngapandle. Wandula wapuma lomdisipile omnye, obesaziwa ngumperisite omkulu, wateta kumgcinikazi wocango, wamngenisa u‐Petrosi. 17Sandula sati isicakazana esingumgcinikazi wocango ku‐Petrosi: Nawe ungowakubadisipile balomntu na? Wati yena: Andinjalo. 18Kekaloku izicaka namadindili bebemi kona, bewubasile umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda, bota ke: kanjalo u‐Petrosi ebemi ndawonye nabo, esota naye.
19Wandula umperisite omkulu wabuza ku‐Yesu ngabadisipile bake, nangemfundiso yake. 20Wati u‐Yesu ukumpendula: Ndateta ekuhleni kwilizwe; ndamana ndifundisa endlwini yentlanganiso nasetempileni, apo ama‐Juda amana ehlangana kona; andateta nto ke ngasese. 21Yinina ukuba ubuze kum? buza kubo abandivileyo, ukuba ndateta nto nina kubo: kangela, aba bayakwazi oko ndakutshoyo.
22Kekaloku akuba ebetshilo oku, elinye lamadindili elibe limi kufupi lamtywakaza u‐Yesu ngesandla, lisiti: Uyenje njalo na ukumpendula umperisite omkulu? 23Wati u‐Yesu ukulipendula: Ukuba ndateta ngokukohlakeleyo, nqi̔nela ukukohlakala oko: kodwa ukuba ndateta ngokulungileyo, uyandibetela nina? 24Wati u‐Anasi wamtuma enxityiwe ku‐Kayafasi umperisite omkulu.
25Kekaloku u‐Simone Petrosi ebemi esota. Bati ngoko kuye: Nawe ungowakubadisipile bake na? Wakanyela yena, wati: Andinjalo. 26Wati owasezicakeni zomperisite omkulu, esisalamane salowo wayiti nqam u‐Petrosi indlebe yake: Andakubona na emyezweni ndawonye naye? 27Wandula wabuya wakanyela u‐Petrosi: yasuka yalila inkuku kwa oko.
28BANDULA besuka no‐Yesu kwa‐Kayafasi bamr̔olela endlwini yenkosi; kwaye kube kusasa ke; baza bona ngokwabo abangena endlwini yenkosi, ukuze banganco̔liswa, koko ukuze bayitye ipasika.
29Wapuma ngoko u‐Pilati waya kubo, wati: Lityala lanina enimnika lona umntu lo? 30Bapendula bati kuye: Ukuba lo ebengengumenzi wokukohlakeleyo, ngesingamnikelanga kuwe. 31Wandula wati kubo u‐Pilati: Mtabateni nina, nimgwebe ngokwomteto wenu. Ati ngoko ama‐Juda kuye: Asivunyelwa tina ukuba sifise umntu: 32ukuze ilizwi lika‐Yesu lizaliseke, elo walitetayo eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako.
33Wandula u‐Pilati wangena endlwini yenkosi kanjako, wambiza u‐Yesu, wati kuye: Wena ungukumkani wama‐Juda na? 34Wati u‐Yesu ukumpendula: Oku ukutsho ngokwako, wakuxelelwa ngam ngabanye, kusinina? 35Wati u‐Pilati ukupendula: Ndingum‐Juda nje na? uhlanga lwakowenu nabaperisite abakulu bakunikela kum: yinto nina uyenzileyo? 36Wati u‐Yesu ukupendula: Ubukumkani bam asi bubo obakwelilizwe: ukuba ubukumkani bam bube bubobakwelilizwe, abakonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kuma‐Juda: kodwa kaloku ubukumkani bam asi bubo obuvela apa. 37Wandula u‐Pilati wati kuye: Ungukumkani na ke? Wati u‐Yesu ukupendula: Utsho wena ukuba ndingukumkani. Ndizalelwe oku, ndaye ndizele oku ndisiza elizweni, ukuze ndiyinqi̔nele inyaniso. Osukuba engowakuyo inyaniso, uyaliva ilizwi lam. 38Wati u‐Pilati kuye: Iyinto nina inyaniso?
Waza etshilo oku wabuya wapuma waya kuma‐Juda, wati kuwo: Andifumani tyala kuye. 39Kodwa ninalo isiko, lokuba ndinikululele umbanjwa abe mnye epasikeni: nifuna ngoko ukunga ndinganikululela ukumkani wama‐Juda na? 40Bandula bonke badanduluka kanjako, besiti: Kungabi nguló, kube nguye u‐Baraba! Kekaloku u‐Baraba ebelibada.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Johane 18: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: