Incwadi ka‐Jude 1
1
1UJUDE, isicaka sika‐Yesu Kristu, nomninawe ka‐Yakobi, kubo ababiziweyo, bengcwalisiwe kutixo uyise, belondoloziwe ngo‐Yesu Kristu: 2Ububele, noxolo, notando lwanga lunganandiselwa.
3Batandwa! ndisenza konke ukuku̔tala nje ukuba̔la kuni ngalo usindiso olulolwabo bonke, bendiba kufanelekile ukuba ndiba̔le kuni, ndiniyala ukuba ninyameke ukupikela ukolo olwanikelwa kwa kanye kubo abangcwele. 4Ngokuba bengenile ngokunyebeleza abantu abatile, ababe kudala bebalulelwe okukugwetywa, abangabedeshiyo, ufefe lwotixo wetu beluguqule lube bubutshinitshini, nokupela kwenkosi utixo nenkosi yetu u‐Yesu Kristu bemkanyela.
5Kodwa ndifuna ukunga ndinganikumbuza, nangona nise nikwazi oku, ukuba inkosi, seibasindisile nje abantu elizweni le‐Jipete, yati kamva yabubisa abangakoliweyo. 6Nazo ingelosi, ezo zingagcinanga isimo sazo sokuqala, koko ziyishiyile eyazo intlalo, izigcinele umgwebo womhla omkulu ngemibambo engunapakade ngapantsi kwesitokotoko. 7Njengokuba i‐Sodome ne‐Gomora, nezixeko zangakuzo, zizilahlele nje embulweni ngendawo efana nabo, ziputume inyama yimbi kanjalo, zibekelwa ukuba ngumlinganiso, zibuva ubuhlungu bomlilo ongunapakade.
8Ngokunjalo noko ke bati ababapupi nabo, banco̔lise inyama, badele ubukosi, bagxeke abasebungcwaliseni. 9Kanti u‐Mikaheli ingelosi enkulu, okuya epikisana no‐Satane ebepika ngawo umzimba ka‐Mosesi akalinga ukuzisa ngakuye isincetezo sokugxeka, koko watshoyo ukuti: Inkosi maikutetise. 10Kodwa bona aba ezozinto abangazaziyo bayazigxeka; nezozinto abati, njengezilo ezingatelekeleliyo, baziqonde ngemvelo, ngazo ezi bayazonakalisa. 11Hai nbunzima babo! ukuba behambile endleleni ka‐Kayine, bagalelekela elulahlekweni luka‐Bilame ngenxa yomvuzo, babuba ekupikeni kuka‐Kora.
12Bona aba bazizidyobo ezidlweni zenu zotando, besitya nani emitendelekweni bengenakwoyika, bezondla bona: bangamafu angenamanzi, equ̔tywaqu̔tywa ngumoya; bayimiti epululekileyo, ingenaziqa̔mo, ifile kabini, idonyulwe ngengcambu; 13bangamaza alwayo olwandle, eke̔puza awawo amahlazo; bazinkwenkwezi ezibangazekayo, ekugcinelwe zona isitokotoko sobumnyama kude kube ngunapakade.
14Kanjalo u‐Enoki, owesixe̔nxe emva kwo‐Adame, wabaprofiteshela nabo aba, esiti: Bona ke, inkosi yeza inamawakawaka abangcwele bayo, 15ukwenza ukugweba ngakubo bonke, nokuvisa ityala bonke abangabedeshiyo pakati kwabo ngazo zonke izenzo zabo ezingabedeshekileyo ababezenzile ngokungabedeshi, nangazo zonke izinto ezilukuni ababezitetile ngakuyo aboni abangabedeshiyo. 16Bona aba bangabaṙoṙayo, bangabeyayo, behamba ngokwenkanuko zabo; abamlomo uteta amazwi okuzidla, bebeka abantu ngenxa yenzuzo.
17Kodwa nina, batandwa! kumbulani wona amazwi abetetiwe pambili ngabo abapostile benkosi yetu u‐Yesu Kristu; 18ukuba bebesiti kuni kuya kubako abahleki exesheni lokugqibela, behamba ngokwezabo inkanuko ezingabedeshekileyo. 19Ngabo aba abazahlukanisayo, bengabobuntu bodwa, bengenaye umoya.
20Kodwa nina, batandwa! nizaka nje pezu kwokolo lwenu olungcwelekazi, nitandaza kumoya oyingcwele, 21zigcineleni elutandweni lukatixo, nibulinda ububele bayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu bude bube bubomi obungunapakade. 22Abanye ke okunene yibani nobubele kubo, nisahlula; 23abanye kodwa basindiseni ngokwoyika, nibahlasela emlilweni, niyitiya nengubo edyojiweyo yinyama.
24Kekaloku kulowo unamandla okunilondoloza ningenakuku̔beka, nokunimisa nimsulwa pambi kwobungcwalisa bake eluvuyweni olukulu, 25kokupela kwolumkilevo utixo umsindisi wetu, makubeko ubungcwalisa nobukulukazi, amandla negunya, nakaloku nakude kube ngunapakade. Amene.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Jude 1: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: