I‐Levitikusi 11
11
1WANDULA wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti kubo: 2Tetani nosapo luka‐Sirayeli, nisiti: Nanzi izinto ezipilileyo eniya kuzidla pakati kwazo zonke izilo ezisemhlabeni. 3Zonke ezilwahlula upupu, ezicanda upupu kubini, ezihlafuna umtyiso, pakati kwezilo, ezona niya kuzidla. 4Ezi noko aniyi kuzidla kwezo zityisayo, nakwezo zilwahlulayo upupu: inkamela, ngokuba ihlafuna umtyiso, kodwa ayahluli upupu; inco̔lile yona kuni: 5nembila, ngokuba ihlafuna umtyiso, kodwa ayahluli upupu; inco̔lile yona kuni: 6nomvundla, ngokuba uhlafuna umtyiso, kodwa awahluli upupu; unco̔lile wona kuni: 7nehangu, ngokuba leyo ilwahlula upupu, icanda upupu kubini kanjalo, kodwa ayihlafuni umtyiso; inco̔lile yona kuni. 8Kwinyama yazo aniyi kudla, nesidumbu sazo aniyi kusicukumisa; zinco̔lile zona kuni.
9Ezi niya kuzidla kwezo zonke ezisemanzini: zonke ezinamapiko nenkwetu emanzini, kuzo ilwandle nakuyo imilambo, ezona niya kuzidla. 10Kodwa zonke ezingenamapiko nenkwetu ezilwandleni nasemilanjeni, kuzo zonke izinambuzane zamanzi, nakuzo zonke izinto ezipilileyo ezisemanzini, zona ziyintshontsho kuni. 11Ewe, zoba yintshontsho kuni; kwinyama yazo aniyi kudla, nezidumbu zazo niya kubala zona ngokuba yintshontsho. 12Zonke izinto ezingenamapiko nenkwetu emanzini, zona zoba yintshontsho kuni.
13Nezi ke niya kuzibala ngokuba yintshontsho pakati kwentaka; aziyi kudliwa, ziyintshontsho: ukozi, nengqanga, nonomakwezane, 14nesanxa, nexalanga ngemmilo yalo; 15bonke onomyai ngemmilo yabo; 16nenciniba, nondebeza, nogwidi, nontloyiya ngemmilo yake, 17nesikova, nokwalimanzi, nentsikizi, 18nelowe, nencwangube, nengqo, 19neṙaside, uqimgqoshe ngemmilo yake, noboboyi, nelulwane.
20Zonke izinambuzane ezinamapiko, ezihambayo ngamane amanqina, zoba yintshontsho kuni. 21Ezi noko ningazidla kuzo zonke izinambuzane ezinamapiko, ezihambayo ngamane amanqina, ezinentungo ngapezu kwamanqina azo, kuze kutsitywe ngazo emhlabeni; 22ezi kuzo ningazidla: inkumbi ngemmilo yayo, nesiboto ngemmilo yaso, nomqikela ngemmilo yawo, nomcikwane ngemmilo yawo. 23Kodwa zonke ezinye izinambuzane ezinamapiko ezinamanqina mane, zoba yintshontsho kuni. 24Nezi niya kunco̔liswa ngazo; osukuba ecukumisa isidumbu sazo woba enco̔lile kude kuhlwe. 25Kanjalo osukuba etwele into yesidumbu sazo, uya kuhlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe.
26Zonke izilo ezahlulayo upupu, kanti azilucandi kubini, zingahlafuni umtyiso kanjako, izidumbu zazo zinco̔lile kuni: osukuba ezicukumisa woba enco̔lile. 27Nazo zonke ezihambayo ngezandla zazo pakati kwazo zonke izinto ezipilileyo ezihambayo ngamane amanqina, ezo zinco̔lile kuni: osukuba ecukumisa isidumbu sazo woba enco̔lile kude kuhlwe. 28Notweleyo isidumbu sazo yena wohlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe; zinco̔lile zona kuni.
29Ezi nazo zoba zinco̔lile kuni pakati kwezinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba: intuku, nempuku, noxami ngemmilo yake, 30nequngequ, noxebeyi, necilitshe, noṙoqotyeni, nolovane. 31Ezi ke zinco̔lile kuni pakati kwezinto zonke ezinambuzelayo: osukuba ezicukumisa, zakuba zifile, woba enco̔lile kude kuhlwe. 32Kanjako konke iya kuwa pezu kwako enye kuzo, yakuba ifile, kwoba kunco̔lile; nokuba yenye impahla yomti, umhlaumbi sisivato, umhlaumbi yintsuba, umhlaumbi yinxowa, umhlaumbi yenye impahla ekwenziwa umsebenzi ngayo, iya kungeniswa emanzini, ibe inco̔lile kude kuhlwe; yandule icokiseke. 33Nazo zonke impahla zodongwe, iya kweyela pakati kwazo enye kuzo, konke okupakati kwazo kwoba kunco̔lile, nazo zona noziqekeza. 34Kuko konke ukudla okudlekayo, oko aya kuza pezu kwako amanzi anjalo, kwoba kunco̔lile; nalo lwonke uselo oluselekayo kuzo zonke impahla ezinjalo lwoba lunco̔lile. 35Kanjako konke iya kuwa pezu kwako into yesidumbu sazo, kwoba kunco̔lile; nokuba liziko, nokuba ngongxawo, baya kucitwa; banco̔lile, ngako boba benco̔lile kuni. 36Noko umtombo, nomnxuma wokuhlanganisana kwamanzi, woba ucocekile; kodwa lowo ucukumisayo isidumbu sazo woba enco̔lile. 37Naxeshekweni iwayo into yesidumbu sazo pezu kwembewu eyintlwayelelo, eza kuhlwayelwa, yona yoba icocekile. 38Kodwa nxa kubekwa amanzi pezu kwembewu, yandule into yesidumbu sazo iwe pezu kwayo, yoba inco̔lile leyo kuni.
39Nokuya kufayo esinye isilo esidlekayo kuni, ocukumisayo isidumbu saso woba enco̔lile kude kuhlwe. 40Kanjalo odlayo kwisidumbu saso wohlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe; nalowo otweleyo isidumbu saso wohlanza izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe.
41Zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba zoba yintshontsho nazo; aziyi kudliwa. 42Konke okuhambayo ngesisu, nako konke okuhambayo ngamane amanqina, nako konke okumanqina maninzi, pakati kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba, aniyi kukudla; ngokuba kuyintshontsho. 43Aniyi kudlubukisa imipefumlo yenu ngasinye isinambuzane esinambuzelayo; aniyi kuzinco̔lisa ngazo kanjako, ukuba nibe ninco̔lile ngazo. 44Ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu: kukona niya kuzingcwalisa, nibe ngcwele, ngokuba ndingcwele mna; kanjalo aniyi kunco̔lisa imipefumlo yenu ngasinye isinambuzane esinambuzelayo pezu kwomhlaba. 45Ngokuba mna ndi nguyehova, oninyusayo ezweni le‐Jipete, ndize ndibe ngutixo wenu; kukona niya kuba ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.
46Nguwo lo umteto wezilo, nowentaka, nowazo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi ezishukumayo emanzini, nowazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba; 47kuze kwenzwe ukwahluka pakati kwokunco̔lileyo nokucocekileyo, napakati kwesilo esidlekayo nesilo esingadlekiyo.
Currently Selected:
I‐Levitikusi 11: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: