I‐Levitikusi 13
13
1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 2Umntu xeshekweni anokudumba, umhlaumbi sisilonda, umhlaumbi lityakuva elikazimlayo, entlonzeni yenyama yake, elifanel’ ukuba sisibulawa sesilepero entlonzeni yenyama yake, uya kwandula aziswe ku‐Arone umperisite, umhlaumbi komnye konyana bake abaperisite. 3Waye umperisite eya kukangela isibulawa esisentlonzeni yenyama; kekaloku, nxa ziguqulwe inwele esibulaweni zaba mhlope, nanxa isibulawa sinzulu kuyo intlonze yenyama yake ukubonakala kwaso, sisisibulawa sesilepero sona: andule ati umperisite akumkangela, axele ukuba unco̔lile. 4Kodwa ukuba ityakuva elikazimlayo limhlope entlonzeni yenyama yake, nokuba alinzulu kuyo intlonze ukubonakala kwalo, nokuba aziguqulwe inwele zalo zaba mhlope, woti umperisite amtshixele onesibulawa imihla ibe sixe̔nxe. 5Waye umperisite eya kumkangela ngomhla wesixe̔nxe: ukuba, kekaloku, isibulawa site nqumama emehlweni ake, nokuba asitwabulukanga isibulawa entlonzeni, wobuya umperisite amtshixele imihla ibe sixe̔nxe ngokwesibini. 6Woza umperisite amkangele ngomhla wesixe̔nxe ngokwesibini: ukuba, kekaloku, isibulawa simncumevu, nokuba asitwabulukanga isibulawa entlonzeni, umperisite uya kuxela ukuba ucocekile; sisilonda kodwa; waeya kuhlanza izivato zake, abe ecokisekile. 7Kanti ukuba isilonda sesitwabulukile entlonzeni, emveni kwokubonakaliswa kwake kumperisite ngenxa yokucokiswa kwake, wobonakaliswa ngokwesibini kumperisite. 8Ukuba umperisite uyabona ukuba nasi isilonda sitwabulukile entlonzeni, woti umperisite axele ukuba unco̔lile; sisilepero sona.
9Xeshekweni isibulawa sesilepero sisemntwini, uya kwandula aziswe kumperisite. 10Ukuba umperisite uya kubona ukuba nanku ukudumba okumhlope entlonzeni, okuguqule inwele zibe zimhlope, nokuba kuko ibala lenyama eṙwada ekudumbeni; 11sisilepero esidala sona entlonzeni yenyama yake; kukona umperisite aya kuxela ukuba unco̔lile: akayi kumtshixela, ngokuba enco̔lile yena. 12Naxeshekweni kujadukayo kakulu isilepero entlonzeni, siti isilepero sigubungele yonke intlonze yonaso esosibulawa, kwa sentloko yake kude kube sezinyaweni zake, njengako konke ukubona kwamehlo omperisite; 13woti umperisite, akubona ukuba nasi isilepero sigubungele yonke inyama yake, andule axele ukuba ucocekile onesibulawa: siguqulwe saba simhlope sipela: ucocekile yena. 14Kodwa mhlana ibonakalayo kuye inyama eṙwada, woba enco̔lile. 15Woti umperisite akubona lonyama eṙwada, axele ukuba unco̔lile; leyonyama eṙwada inco̔lile; sisilepero sona. 16Naxeshekweni kubuya kujike lonyama eiwada, ide iguqulwe ibe mhlope, uya kwandula eze kumperisite. 17Woti umperisite akumbona, ukuba nasi isibulawa siguqulwe saba mhlope, andule axele umperisite ukuba ucocekile lowo onesibulawa: ucocekile yena.
18Kanjalo inyama, ebekukuyo intlonze yayo itumba, elipolisiweyo; 19nekuya kubako kuyo endaweni yetumba ukudumba okumhlope, umhlaumbi ityakuva elikazimlayo, limhlope, libomvuṙa; yobonakaliswa yona kumperisite. 20Ukuba umperisite uyabona ukuba nali linzulu kuyo intlonze ukubonakala kwalo, nokuba ziguqulwe inwele zalo zaba mhlope, uya kuxela umperisite ukuba unco̔lile: sisibulawa sesilepero, sijadukile ngetumba. 21Kanti xeshekweni umperisite aya kulibona, ukuba kekaloku akuko kulo inwele ezimhlope, nokuba alinzulu kuyo intlonze, kodwa limncumevu, woti umperisite amtshixele imihla ibe sixe̔nxe. 22Kwandul’ ukuti, ukuba liyatwabuluka kakulu entlonzeni, kuxele umperisite ukuba unco̔lile: sisibulawa. 23Kodwa ukuba ityakuva elikazimlayo liti nqumama endaweni yalo, lingatwabuluki nje, lukoko lwetumba; waye umperisite eya kuxela ukuba ucocekile.
24Nenyama nxa kukuyo intlonze yayo isitsha somlilo, nanxa ibala lesitsha eso lilityakuva elikazimlayo, limhlope, libomvuṙa, umhlaumbi limhlope kanye; 25woza umperisite ayikangele: ukuba kekaloku ziguqulwe inwele zaba mhlope kulo ityakuva elikazimlayo, nokuba linzulu kuyo intlonze ukubonakala kwalo, sisilepero, sijadukile ngesitsha; kukona umperisite aya kuxela ukuba unco̔lile: sisibulawa sesilepero. 26Kanti xeshekweni umperisite aya kulibona, ukuba kekaloku akuko nwele ezimhlope kulo ityakuva elikazimlayo, nokuba alinzulu kuyo intlonze, kodwa limncumevu, woti umperisite amtshixele imihla ibe sixe̔nxe. 27Uya kubuya umperisite amkangele ngomhla wesixe̔nxe: ukuba litwabulukile kakulu entlonzeni, uya kwandula umperisite axele ukuba unco̔lile: sisibulawa sesilepero. 28Kodwa ukuba ityakuva elikazimlayo liti nqumama endaweni yalo, lingatwabuluki entlonzeni nje, kodwa limncumevu, kukudumba kwesitsha; kukona umperisite aya kuxela ukuba ucocekile; ngokuba lukoko lwesitsha.
29Kanjako indoda, umhlaumbi umfazi, nxa kukuyo isibulawa pezu kwentloko, umhlaumbi pezu kwendevu; 30woza umperisite akangele isibulawa eso: ukuba kekaloku sinzulu kuyo intlonze ukubonakala kwaso, nokuba kuko pezu kwaso inwele ezilubelu ezincinane, woti umperisite axele ukuba inco̔lile: lukwekwe, sisilepero sentloko umhlaumbi sesodevu. 31Kodwa xeshekweni umperisite abona isibulawa sokwekwe, ukuba kekaloku asinzulu kuyo intlonze ukubonakala kwaso, nokuba inwele ezimnyama aziko kuso, woti umperisite amtshixele onesibulawa sokwekwe imihla ibe sixe̔nxe. 32Andule abuye umperisite akangele isibulawa eso ngomhla wesixe̔nxe: ukuba kekaloku alutwabuluki ukwekwe, nokuba aziko kulo inwele ezilubelu, nokuba ukwekwe alunzulu kuyo intlonze ukubonakala kwalo; 33uya kugugulwa yena, kanti ukwekwe akayi kulugugula; aze ati umperisite amtshixele onokwekwe imihla ibe sixe̔nxe ngokwesibini. 34Andule abuye umperisite akangele ukwekwe ngomhla wesixe̔nxe: ukuba kekaloku ukwekwe alutwabuluki entlonzeni, nokuba alunzulu kuyo intlonze ukubonakala kwalo, woti umperisite axele ukuba ucocekile; waeya kuhlanza izivato zake, abe ecokisekile. 35Kodwa ukuba ukwekwe luyatwabuluka kakulu entlonzeni, emveni kwokucokiswa kwake; 36wobuya umperisite amkangele: ukuba kekaloku ukwekwe lutwabulukile entlonzeni, umperisite akayi kugqalela inwele ezilubelu; selenco̔lile yena. 37Kodwa ukuba emehlweni ake ukwekwe lute nqumama, nokuba inwele ezimnyama zikulile pezu kwalo; selupilisiwe ukwekwe olo, ucocekile yena: kukona umperisite aya kuxela ukuba ucocekile.
38Kanjako indoda, umhlaumbi umfazi, nxa kukuyo intlonze yenyama yabo amatyakuva akazimlayo, kwa amatyakuva akazimlayo amhlope; 39woza umperisite akangele: ukuba kekaloku kuko entlonzeni yenyama yabo amatyakuva amhlopemncumevu; ligxuba elimhlope elijadukileyo entlonzeni; ucocekile onjalo.
40Nendoda nxa intloko yayo igudile, yona iyinqai, icocekile noko. 41Naxeshekweni kungasecaleni lobuso intloko yayo igudile, iyinqai ebunzini, icocekile noko. 42Kodwa zeshekweni kuko ebunqayini bentloko, umhlaumbi ebunqayini bebunzi, isibulawa esimhlope‐bomvuṙa; sisilepero esijadukileyo ebunqayini bentloko yayo, umhlaumbi ebunqayini bebunzi layo. 43Woza umperisite asikangele: ukuba kekaloku ukudumba kwesosibulawa kumhlope‐bomvuṙa ebunqayini bentloko yayo, umhlaumbi ebunqayini bebunzi layo, njengokubonakala kwaso isilepero sentlonze yenyama; 44iyindoda elileperi yona, inco̔lile: umperisite uya kuxela ukuba inco̔lile kanye; isibulawa sayo sisentloko yayo.
45Neleperi ekukulo isibulawa eso, izivato zalo zoba ziṙazukile, nentloko yalo yoba ihlubulukile, nembovu yalo loyigubungela; laliya kudanduluka ngokuti: Ndinco̔lile, ndinco̔lile! 46Yonke imihla ekuya kubako kulo esisibulawa, loba linco̔lile; linco̔lile lona: liya kuhlala lodwa; kwoba ngapandle kwomnquba ukuhlala kwalo.
47Kanjako isivato ekukuso isibulawa sesilepero, nokuba sisesivatweni soboya, nokuba sisesivatweni seqiya; 48nokuba sikokwoluliweyo, nokuba sikokunqanyulezisiweyo, ngeqiya umhlaumbi ngoboya; nokuba siseluswini, nokuba sikwelinye isetyenzwa lolusu; 49nxa isibulawa eso siluhlazaṙa, umhlaumbi sibomvuṙa, esivatweni, umhlaumbi eluswini, nokuba sikokwoluliweyo, nokuba sikokunqanyulezisiweyo, umhlaumbi kwenye into yolusu; sisibulawa sesilepero sona: ngako siya kubonakaliswa kumperisite. 50Woti umperisite akangele isibulawa; andule akutshixele okunesibulawa imihla ibe sixe̔nxe. 51Wobuya akangele isibulawa ngomhla wesixe̔nxe: ukuba isibulawa sitwabulukile esivatweni, nokuba sikokwoluliweyo, nokuba sikokunqanyulezisiweyo, umhlaumbi eluswini, umhlaumbi kwelinye isetyenzwa elenziweyo ngolusu; isibulawa eso sisilepero esidlayo; sinco̔lile. 52Kukona aya kutshisa isivato eso, umhlaumbi oko kwoluliweyo, umhlaumbi oko kunqanyulezisiweyo, okwoboya umhlaumbi okweqiya, umhlaumbi enye into yolusu ekukuyo isibulawa eso: ngokuba sisilepero esidlayo; siya kutshiswa ngomlilo.
53Kodwa xeshekweni umperisite aya kubona, ukuba kekaloku isibulawa asitwabulukanga esivatweni, nakoko kwoluliweyo, nakoko kunqanyulezisiweyo, umhlaumbi kwenye into yolusu; 54woti umperisite axele ukuba kuhlanzwe lonto isibulawa sikuyo, andule ayitshixele imihla ibe sixe̔nxe ngokwesibini. 55Nxa umperisite, emveni kwokuhlanzwa kwayo, aya kubona isibulawa, ukuba kekaloku isibulawa asiguqukanga ukubonakala kwaso, nokuba isibulawa asitwabulukanga; inco̔lile yona; uya kuyitshisa ngomlilo: idlekile pakati, nokuba icucekile kwelasemva icala, nokuba icucekile kwelapambili. 56Naxeshekweni aya kubona umperisite, ukuba kekaloku isibulawa simncumevu emveni kwokuhlanzwa kwaso; uya kwandula asiṙazule esivatweni, umhlaumbi eluswini, umhlaumbi kokwoluliweyo, umhlaumbi kokunqanyulezisiweyo. 57Ukuba kodwa sisabonakala esivatweni, nokuba sikokwoluliweyo, nokuba sikokunqanyulezisiweyo, umhlaumbi kwenye into yolusu; sisilepero esijadukayo; uya kutshisa oko isibulawa sikuko ngomlilo. 58Kanti isivato, umhlaumbi okwoluliweyo, umhlaumbi okunqanyulezisiweyo, umhlaumbi enye into yolusu, kwa oko kusukuba uya kuhlanza kona, ukuba isibulawa simkile kuko, kwohlanzwa ngokwesibini, kuze kube kucokisekile.
59Nguwo lo umteto wesibulawa sesilepero sesivato soboya, umhlaumbi seseqiya, umhlaumbi, sesokwoluliweyo, umhlaumbi sesokunqanyulezisiweyo, umhlaumbi senye into yolusu, wokuba kuxelwe ukuti sicocekile, umhlaumbi kuxelwe ukuti sinco̔lile.
Currently Selected:
I‐Levitikusi 13: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: