YouVersion Logo
Search Icon

I‐Levitikusi 4

4
1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Nxa onayo umntu ngesiposo ngakweminye imiyalelo kayehova, ngezinto ezinga zingenziwa, enze into ngakwomnye kuyo: 3ukuba umperisite otanjisiweyo uya kwona libe lityala labantu, makanikele ngenxa yesono sake onileyo ngaso, inkunzana elitole lenkomo emsulwa kuyehova, ibe lidini lesono. 4Waeya kuzisa inkunzana leyo elucangweni lwentente yentlangano pambi kwoyehova; aze alalise isandla sake pezu kwentloko yenkunzana, ayixe̔le inkunzana pambi kwoyehova. 5Andule ati umperisite otanjisiweyo acapule egazini lenkunzana, alizise ententeni yentlangano: 6ati umperisite kanjalo awufake umnwe wake egazini; aze ati fefe kwelogazi amaxesha abe sixe̔nxe ebusweni bukayehova, pambi kwekuselo leyingcwele indawo. 7Waye umperisite eya kubeka inxenye yelogazi pezu kwempondo zesibingelo sesiqumiso esimnandi ebusweni bukayehova, esisententeni yentlangano; nalo lonke elinye igazi lenkunzana woligalela ngasesekweni lesibingelo sedini lokutshiswa, esisemnyango wentente yentlangano. 8Kanjako lonke inqata lenkunzana yedini lesono uya kulisusa kuyo; inqata eligubungela umbilini, nalo lonke inqata elipezu kwombilini, 9nezintso zombini, nenqata elipezu kwazo, elingasezintsendweni; nendawo ezizengezelayo pezu kwesibindi, kunye nezintso, wozisusa, 10njengokuba zibe zisuswa kuyo inkomo yombingo woxolo: lamanqata umperisite wowatshisa pezu kwesibingelo sedini lokutshiswa. 11Kodwa isikumba senkunzana, nayo yonke inyama yayo, kunye nentloko yayo, nakunye nentungo zayo, nombilini wayo, nomswane wayo, 12kwa inkunzana leyo ipela woyikupela pandle kwomnquba, endaweni emhlope, apo ututu lugalelwa kona, ayitshise pezu kwenkuni ngomlilo: ngasekugalelweni kwotutu iya kutshiswa.
13Ukuba kanjalo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli iya kuposisa, ize ifihlwe indawo emehlweni omhlambi, nxa benzile into ngakwomnye kuyo yonke imiyalelo kayehova, ngezinto ezinga zingenziwa, bada banetyala; 14kwoti ke, sakwazeka esosono bonile ngaso ngakuwo, wandule umhlambi unikele ngenkunzana elitole lenkomo, ibe lidini lesono, uyizise pambi kwentente yentlangano; 15baze abadala bentlanganiso balalise izandla zabo pezu kwentloko yenkunzana ebusweni bukayehova, iti inkunzana ixe̔lwe pambi kwoyehova. 16Andule umperisite otanjisiweyo azise inxenye yegazi lenkunzana ententeni yentlangano. 17Waye umperisite eya kufaka umnwe wake, acapule kwelogazi, ati fefe amaxesha abe sixe̔nxe ebusweni bukayehova, pambi kwekuselo. 18Nakulo igazi elo uya kubeka inxenye pezu kwempondo zesibingelo esipambi kwoyehova, esisententeni yentlangano; aze agalele lonke elinye igazi ngasesekweni lesibingelo sedini lokutshiswa, esisemnyango wentente yentlangano. 19Nalo lonke inqata layo wolisusa kuyo, alitshise pezu kwesibingelo. 20Waeya kwenzela lenkunzana, njengokuba ebesenzela inkunzana yedini lesono; uya kwenzela le ngokunjalo: woti umperisite abaxolisele, baze baxolelwe. 21Nenkunzana leyo woyikupela pandle kwomnquba, atshise yona njengokuba ebeyitshisa inkunzana yokuqala: lidini lesono lomhlambi yona.
22Oko oyinkosi aya kwona, enze into ngakwomnye kuyo yonke imiyalelo kayehova, utixo wake, ngezinto ezinga zingenziwa, ngesiposo, ade abe netyala; 23ngati umhlaumbi kuyaziswa kuye isono sake onileyo ngaso; uya kwandula azisele umnikelo wake itakane lebokwe, liyinkunzi emsulwa. 24Waeya kulalisa isandla sake pezu kwentloko yebokwe, ayixe̔le endaweni apo kuxe̔lwa kona idini lokutshiswa pambi kwoyehova: lidini lesono yona. 25Andule umperisite acapule egazini ledini lesono ngomnwe wake, alibeke pezu kwempondo zaso isibingelo sedini lokutshiswa; nelinye igazi lalo uya kugalela lona ngasesekweni lesibingelo sedini lokutshiswa. 26Nalo lonke inqata lalo wolitshisa pezu kwesibingelo, njengalo inqata lombingo woxolo; woti umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesono sake, size simxolelwe.
27Naxeshekweni omnye wasebantwini belizwe onayo ngesiposo, ngokwenza kwake into ngakwomnye kuyo imiyalelo kayehova, ngezinto ezinga zingenziwa, ade abe netyala; 28ngati umhlaumbi kuyaziswa kuye isono sake onileyo ngaso; uya kwandula azisele umnikelo wake itakane lebokwe, liyimazi emsulwa, ngenxa yesono sake onileyo ngaso. 29Waeya kulalisa isandla sake pezu kwentloko yedini lesono, alixe̔le idini lesono endaweni yedini lokutshiswa. 30Andule umperisite acapule egazini lalo ngomnwe wake, alibeke pezu kwempondo zaso isibingelo sedini lokutshiswa; nalo lonke elinye igazi lalo uya kugalela lona ngasesekweni lesibingelo eso. 31Kanjako lonke inqata lalo wolisusa, njengokuba inqata lisuswa kuwo umbingo woxolo; waye umperisite eya kulitshisa pezu kwesibingelo, libe livumba elimnandi kuyehova: woti umperisite amenzele uxoliso, aze axolelwe.
32Kodwa ukuba uyazisela umnikelo wake imvana ibe lidini lesono, yoba yimazi emsulwa aya kuyizisa. 33Waeya kulalisa isandla sake pezu kwentloko yedini lesono, ayixe̔le imvanakazi ibe lidini lesono endaweni apo kuxe̔lwa kona idini lokutshiswa. 34Andule umperisite acapule egazini ledini lesono ngomnwe wake, alibeke pezu kwempondo zaso isibingelo sedini lokutshiswa; nalo lonke elinye igazi lalo uya kugalela lona ngasesekweni lesibingelo eso. 35Kanjako lonke inqata lalo wolisusa, njengokuba inqata lemvana lisuswa kuwo umbingo woxolo; waye umperisite eya kutshisa amanqata lawo esibingelweni, pezu kweminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: woti umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesono sake onileyo ngaso, size simxolelwe.

Currently Selected:

I‐Levitikusi 4: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in