YouVersion Logo
Search Icon

I‐Levitikusi 8

8
1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Tabata u‐Arone nonyana bake kunye naye, nezivato, neoli yokutambisa, nenkunzana yedini lesono, nenkunzi zegusha zimbini, nesitya sezonka ezingenagwele; 3uze ubutele yonke intlanganiso elucangweni lwentente yentlangano.
4Wenza u‐Mosesi njengokuba wabemyalela uyehova; yaza yonke intlanganiso yabutelwa elucangweni lwentente yentlangano. 5Wandula wati u‐Mosesi entlanganisweni: Yiyo le into uyehova ayalele ngayo ukuba yenziwe. 6Waye u‐Mosesi wasondeza u‐Arone nonyana bake, wabahlamba ngamanzi. 7Waza wamfaka ihempe, wambinqisa uqwemesha, wamambatisa ingubo; wamfaka neyefodi, wambinqisa nombinqo ocikiziweyo weyefodi, wayibopa kuye ngawo. 8Wayebeka pezu kwake imbeka, wafaka embekeni i‐Urime ne‐Tumime. 9Wabeka nonkontsho pezu kwentloko yake; napezu kwonkontsho, ngakubo ubuso bake, wabeka imbasa yegolide, ikrone engcwele; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
10Waza u‐Mosesi watabata ioli yokutambisa, watambisa itabanakele nento zonke ezikuyo, wazingcwalisa. 11Wayefefa ngayo pezu kwesibingelo amaxesha asixe̔nxe, watambisa isibingelo nazo zonke impahla zaso, kunye nesihlambelo nesikondo saso, zize zingcwaliswe. 12Nenxenye yeoli yokutambisa wayigalela pezu kwentloko ka‐Arone, wamtambisa, ukuba amngcwalise. 13Waza u‐Mosesi wabasondeza onyana baka‐Arone, wabavatisa ihempe, wababinqisa ingqwemesha, wabopa kubo iminqwazi; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
14Wandula wayisondeza inkunzana yedini lesono; bati u‐Arone nonyana bake balalisa izandla zabo pezu kwentloko yenkunzana yedini lesono. 15Kwaye kuxe̔lwa ke; waza u‐Mosesi watabata igazi, walibeka ezimpondweni zesibingelo ngento engqongayo ngomnwe wake, wasihlambulula isibingelo; wandula waligalela igazi ngasesekweni lesibingelo, wasingcwalisa, kuze kwenziwe uxoliso pezu kwaso. 16Wayetabata lonke inqata elipezu kwombilini, nendawo ezizengezelayo zesibindi, nezintso zombini, nenqata lazo; waza u‐Mosesi walitshisa esibingelweni. 17Kodwa inkunzana nesikumba sayo, inyama yayo nomswane wayo, wazitshisa ngomlilo ngapandle kwomnquba; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
18Wandula wasondeza inkunzi yegusha yedini lokutshiswa; bati u‐Arone nonyana bake balalisa izandla zabo pezu kwentloko yenkunzi yegusha. 19Kwaye kuxe̔lwa ke; waza u‐Mosesi walisasaza igazi pezu kwesibingelo ngento engqongayo. 20Nenkunzi yegusha wayicanda ezitweni zayo; waye u‐Mosesi watshisa intloko, nezito, nenqata; 21kodwa umbilini nentungo wazihlanza ngamanzi; waza u‐Mosesi watshisa lonkunzi yegusha ipela esibingelweni: ibilidini lokutshiswa libe livumba elimnandi, ibingumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
22Wandula wayisondeza eyesibini inkunzi yegusha, inkunzi yegusha yokuzalisa; bati u‐Arone nonyana bake balalisa izandla zabo pezu kwentloko yenkunzi yegusha. 23Kwaye kuxe̔lwa ke; waza u‐Mosesi wacapula kwigazi layo, walibeka pezu kwesitinzi seyokunene indlebe ka‐Arone, napezu kwesitupa sesokunene isandla sake, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwake. 24Wasondeza onyana baka‐Arone nabo; waye u‐Mosesi wabeka inxenye yegazi elo pezu kwesitinzi seyokunene indlebe yabo, napezu kwesitupa sesokunene isandla sabo, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwabo: wati kanjalo u‐Mosesi wasasaza igazi pezu kwesibingelo ngento engqongayo. 25Waza watabata inqata, nomsila, nalo lonke inqata elipezu kwombilini, nendawo ezizengezelayo zesibindi, nezintso zombini, nenqata lazo, nowokunene umkono: 26nakuso isitya sezonka ezingenagwele, esipambi kwoyehova, watabata isonkana sinye esingenagwele, nesonkana sinye sesonka esineoli, nesonkanyana sikwa sinye, wazibeka pezu kwamanqata lawo, napezu kwowokunene umkono. 27Ezonto zonke wazinika ezandleni zika‐Arone, nasezandleni zonyana bake, wazishukushukumisa zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova. 28Waza u‐Mosesi wazitabata ezandleni zabo, wazitshisa esibingelweni, pezu kwedini lokutshiswa: zayiminikelo yokuzalisa libe livumba elimnandi; ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 29Kanjako u‐Mosesi watabata isifuba, wasishukushukumisa sibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova: sibe sisisabelwa sika‐Mosesi sivela kuyo inkunzi yegusha yokuzalisa; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
30Wandula u‐Mosesi wacapula kuyo ioli yokutambisa, nakulo igazi elipezu kwesibingelo, wati fefe pezu kwo‐Arone, napezu kwezivato zake, napezu kwonyana bake, napezu kwezivato zonyana bake kunye naye; wangcwalisa u‐Arone, nezivato zake, nonyana bake, nezivato zonyana bake kunye naye.
31Waza u‐Mosesi wati ku‐Arone nakonyana bake: Pekani lonyama elucangweni lwentente yentlangano, niyidle kona apo, kwa nesonka esikuso isitya seminikelo yokuzalisa, njengoko ndiyaleleyo, ndisiti: u‐Arone nonyana bake baya kuyidla. 32Nokuseleyo kuyo inyama nakuso isonka niya kukutshisa ngomlilo. 33Kanjalo aniyi kupuma elucangweni lwentente yentlangano imihla ibe sixe̔nxe, ude ubeko umhla wokuzalisekiswa kwayo imihla yeminikelo yokuzalisa yenu: ngokuba yimihla isixe̔nxe kuya kuzaliswa izandla zenu ngayo. 34Njengokuba kwenziwe namhla nje, uyalele uyehova ukuba kwenjwe njalo, ukuze nenzelwe uxoliso. 35Kukona niya kuhlala elucangweni lwentente yentlangano, imini nobusuku, imihla ibe sixe̔nxe, nisigcine isigcinelo sikayehova, ukuze ningafi: ngokuba kungokunjalo endiyalelweyo. 36Bati u‐Arone nonyana bake benza zonke izinto abeziyalele uyehova ngesandla sika‐Mosesi.

Currently Selected:

I‐Levitikusi 8: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in