Ivangeli ka‐Luke 13
13
1KWAYE kufika abatile kwa ngeloxesha abamtyelayo ngawo ama‐Galili, abete u‐Pilati walipitikeza igazi lawo ndawonye namadini awo. 2Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Niba lama‐Galili ebengaboni ngapezu kwawo onke ama‐Galili na, ngokuba evile izinto ezinjalo? 3Nditi kuni: Nakanye; koko xeshekweni ningaguqukiyo, niya kububa nonke ngokunjalo. 4Nabo balishumi linesibozo, abebewelwe yinqaba e‐Siloha babulawa yiyo, niba aba bebezizoni ngapezu kwabo bonke abantu ababemi e‐Yerusaleme na? 5Nditi kuni: Nakanye; koko xeshekweni ningaguqukiyo, niya kububa nonke ngokunjalo.
6Wayeteta lomzekeliso: Umntu otile ebenomkiwane utyelwe esitiyeni sake; waza weza efuna iziqa̔mo kuwo, akazifumana ke. 7Wayesiti kumlimi wesitiya: Bona ke, yiminyaka mitatu endiza ndifuna iziqa̔mo kumkiwane lo, ndingazifumani ke; wugaule; yinina ukuba uwonakalise nomhlaba? 8Koko wapendula yena wati kuye: Nkosi! wuyeke nalonyaka, ndide ndibe ndihlakule ngakuwo, ndagalela nomgquba; 9nokuba uyahlanza iziqa̔mo ke — ; kodwa ukuba awenje njalo, woti kamva uwugaule.
10Kekaloku ebefundisa kwenye yezindlu zentlanganiso ngemini yesabata: 11kwaye kuko, bona ke, umfazi obenomoya wobulwelwe iminiyaka yalishumi linesibozo, owabegobile, wakohlwa kanye ukuzipakamisa. 12Wati u‐Yesu akumbona, wambiza, wati kuye: Mfazi! ukululwe ebulwelweni bako. 13Waza wabeka izandla pezu kwake; waselelungiswa kwa oko, wamdumisa utixo.
14Waza wapendula umpati wendlu yentlanganiso, equmbile kakulu ukuba u‐Yesu ebepilisile ngesabata, wati kwisihlwele: Kuko imihla emitandatu kufanele ukusebenza ngayo; yizani ngoko ngayo le nipiliswe, kungabi ngomhla wesabata. 15Yandula inkosi yampendula, yati: Sihanahanisindini! akati na omnye ngomnye wakuni ngesabata akulule inkabi yake umhlaumbi iqwaṙashe lake esitaleni, ar̔ole aye kuseza? 16Lo kanti, eyintombi ka‐Abrahame nje, obebanjiwe ngu‐Satane, bona ke, iminyaka ilishumi linesibozo, bekungafanele na ukuba akululwe kulombambo ngomhla wesabata? 17Kekaloku akutsho, bebedaniswa bonke abalane bake; saye sonke isihlwele sivuya pezu kwazo zonke izinto ezibungcwalisa ezibe zisenzwa nguye.
18Wayesiti Ubukumkani bukatixo bufana nanto nina? kanjalo ndobufanisa nanto nina? 19Bufana nokozo lwembewu yemositade, owalutabatayo umntu, waluposa esitiyeni sake; lwamila ke, lwaba ngumti omkulu, zaza intaka zezulu zahlala emasebeni awo.
20Wayesiti kanjako: Ndobufanisa nanto nina ubukumkani bukatixo? 21Bufana negwele, owalitabatayo umfazi, walifihlela ezilinganisweni zitatu zomgubo, wada wabiliswa wonke.
22WAZA wacanda kwizixeko ngezixeko nakwimizi ngemizi efundisa, esenza ihambo yake ngase‐Yerusaleme.
23Wayesiti omnye kuye: Nkosi! bancinane abasindiswayo kusinina? Wayesiti yena kubo: 24Zamelani ukungena ngesango elixineneyo; ngokuba ndisiti kuni, abaninzi baya kufuna ukungena, bakohlwe ke. 25Emvenikweni asel’ esukile umninindlu, wavala ucango, naza naqala ukuma ngapandle nokuqongqota elucangweni, nisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele! waeya kuba ependule wati kuni: Andinazi apo nivela kona: 26niya kwandula niqala ukuti: Sadla sasela ebusweni bako, nawe wafundisa ezitarateni zetu. 27Waeya kuti: Nditi kuni, andinazi apo nivela kona; mkani kum, nonke nina benzi benkohlakalo! 28Apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo okuya niya kubona u‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi, nabo bonke abaprofite, ebukumkanini bukatixo, nina kodwa nilahlelwa pandle. 29Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasenode nasesuyide, bahlale pantsi ebukumkanini bukatixo. 30Kanjalo bona ke, bako abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bako nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
31Ngayo yona imini leyo kweza abafarisi abatile, besiti kuye: Puma umke apa; ngokuba u‐Herodi efuna ukukubulala. 32Waza wati kubo: Hambani niye nitsho kwimpungutye leyo ukuti: Bona ke, ndiyaziku̔pa idemoni, ndizenze nempiliso, namhla nangomso, nditi ngomhla wesitatu ndifezeke. 33Kodwa ndifanele ukuti namhla, nangomso, nangomso mnye, ndihambe; ngokuba kungebe njalo ukuba umprofite abubele ngapandle kwe‐Yerusaleme. 34Yerusaleme, Yerusaleme, ebabulalayo abaprofite, ebagibisela ngamatye abo batunyiweyo kuyo! kufuti kangakananina ebendifuna ukulubutela ndawonye usapo lwako, njengokuba inkukukazi iwabutela ndawonye amatole ayo ngapantsi kwamapiko, anavuma ke! 35Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele. Kanjalo ngokwenene nditi kuni: Anisayi kundibona, kude kufike ixesha eniya kuti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Luke 13: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: