Ivangeli ka‐Mateyu 16
16
1BAZA bafika abafarisi nabasadusi bemlinga, bacela kuye ukuba makababonise umqondiso uvela ezulwini. 2Koko wapendula wati kubo: kwakuba kuhlwile niti: Kwobako ukuzola; ngokuba izulu libomvu. 3Kanjalo kwakusa niti; Namhla kwobako uqwitela; ngokuba izulu libomvu lisibekela. Zihanahanisindini! ukubonakala kwezulu okunene niyazi ukukuqiqa; kodwa aningeyiqiqe na imiqondiso yalamaxesha? 4Isizukulwana esikohlakeleyo nesibuṙexeza siyafuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. Waza wabashiya, wemka.
5Kekaloku bakufika abadisipile bake ecaleni elingapesheya, bebelibele ukutabata nabo izonka. 6Wayesiti u‐Yesu kubo: Lumkani nilumkele igwele labafarisi nabasadusi. 7Baza bapikisana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singatabatanga nati izonka. 8Wayekwazi oku u‐Yesu, wati kubo: Yinina ukuba nipikisane omnye nomnye, nina balukolo luncinane! ngokuba ningatabatanga nani izonka? 9Anikaqondi na, anizikumbuli na kanjalo izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nezitya enazicolayo ukuba zingapina? 10kwa nezonka ezisixe̔nxe zamawaka amane, nengobozi enazicolayo ukuba zingapina? 11Yinina lento ningaqondi ukuba bekungengaso isonka endatshoyo kuni ukuti manilumkele igwele labafarisi nabasadusi? 12Bandula baqonda ukuba akatshongo ukuti mabalumkele igwele lesonka, kodwa mabalumkele imfundiso yabafarisi nabasadusi.
13Kekaloku akufika u‐Yesu ezahlulweni zase‐Kesareya‐filipi, wabuza kubadisipile bake, esiti: Ngubanina abati abantu ndinguye, mna nyana wesintu? 14Baye besiti: Bati inxenye ngu‐Johane umbapitizeshi; bati abanye ngu‐Elija; bati abanye ngu‐Jeremiya, umhlaumbi ngowabaprofite. 15Wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? 16Wapendula u‐Simone Petrosi wati: Wena unguye u‐Kristu, unyana katixo ohleliyo. 17Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unetamsanqa, Simone, Bara‐jona! ngokuba ingeyiyo inyama negazi ekutyileleyo oku, ngubawo osezulwini. 18Kanjalo nam nditi kuwe: Wena ungu‐Petrosi, ndandiya kuyaka pezu kwolulwalwa iṙemente yam, ati amasango ehadesi angayoyisi. 19Ndandiya kunika kuwe izilotile zobukumkani bezulu; yoti into usukuba uyinxiba emhlabeni inxitywe ezulwini; yoti into usukuba uyikulula emhlabeni ikululwe ezulwini. 20Wandula wabayala abadisipile bake, ukuba mabangaxeleli mntu ukuba ungu‐Yesu u‐Kristu.
21Emveni kwoko waqala u‐Yesu ukubonisa abadisipile bake okokuba ufanele ukumka aye e‐Yerusaleme, nokuva intlungu ezininzi ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuvuswa ngomhla wesitatu. 22Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa, esiti: Mawenzelwe ufefe, Nkosi! lento ayisayi kubako kuwe. 23Koko wajika wati ku‐Petrosi: Yiya emva kwam, Satane! usisixakaniso kum; ngokuba unganyamekeli izinto zikatixo, unyamekela izinto zabantu nje. 24Wandula u‐Yesu wati kubadisipile bake: Ukuba umntu uyafuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele. 25Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam, wobufumana. 26Ngokuba uncedwa nto nina umntu, ukuba ilizwe lonke walizuza, nompefumlo wake walahlekelwa nguwo? kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? 27Ngokuba unyana wesintu eya kuza ebungcwaliseni boyise kunye nengelosi zake; waeya kwandula ukuvuza abanye ngabanye ngokwokwenza kwabo. 28Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone unyana wesintu esiza ebukumkanini bake.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Mateyu 16: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: