YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Mateyu 22

22
1WAZA wapendula u‐Yesu wabuya wateta kubo ngemizekeliso, esiti: 2Ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile owamenzela umtshato unyana wake; 3waza watuma izicaka zake ukuya kubiza abamenyiweyo beze emtshatweni; abavumanga ukuza ke. 4Wabuya watuma ezinye izicaka, esiti: Yitshoni kwabamenyiweyo ukuti: Bona ke, isidlo sam ndisilungisile, inkabi zam nenkomo zam ezityetyisiweyo zixe̔liwe, ewe, konke sekulungisiwe; yizani emtshatweni. 5Kodwa bona bengakatalanga bemka, omnye ukuya entsimini yake, omnye ukuya entengweni yake: 6bati abaseleyo babamba izicaka zake, bazipata kakubi, bazibulala. 7Waza ukumkani, akuva oko, waqumba, watuma imikosi yake, watshabalalisa ababulali abo, nesixeko sabo wasitshisa ngomlilo. 8Wandula wati ezicakeni zake: Umtshato ke seulungisiwe, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile; 9hambani ngoko niye ekuhlanganeni kwendlela, niti abo nisukuba nibafumana, nibabize beze emtshatweni, 10zapuma ke izicaka ezo zaya ezindleleni, zabuta bonke ezabafumanayo, nabakohlakeleyo nabalungileyo; yaza indawo yomtshato yazaliswa ngabahleli ekutyeni. 11Kekaloku akungena ukumkani ukuza kubonela abahleli ekutyeni, wabona apo umntu ongavatanga isivato somtshato; 12waza wati kuye: Sihlobo! ute nina ukungena apa ungenaso isivato somtshato? Wati cwaka ke. 13Wandula wati ukumkani ebakonzini bake: Mbopeni izandla nenyawo, nimsuse, nimku̔pele ebumnyameni bangapandle: apo kwobako ukulila, nokuqaqazela kwamazinyo. 14Ngokuba bebaninzi ababiziweyo, koko bebancinane abaqashiweyo.
15Bandula abafarisi baya bacebisana ukuba bangati nina ukumtiyela ekuteteni. 16Baza batuma kuye abadisipile babo kunye nabaherodi, besiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso, ungakatali ngumntu: ngokuba ungabuki ubuso babantu: 17sixelele ngoko, ukuba uti nina wena? kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? 18Kodwa u‐Yesu wanakana inkohlakalo yabo, wati: Yinina ukuba nindilinge, Zihanahanisindini? 19ndiboniseni iqosha lomnikelo. Bamzisela idenari ke. 20Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? 21Bati kuye: Ngoka‐Kesare. Wandula wati kubo: Nikelani ngoko izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto zikatixo kuye utixo. 22Bati bakuva bati nqa; baza bamshiya bemka.
23Ngaleyomini kweza kuye abasadusi, abati akuko luvuko, bambuza, 24besiti: Mfundisi! u‐Mosesi watsho ukuti: Xeshekweni kufayo umntu engenabantwana, uya kuti umninawe wake atshate nomfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. 25Kekaloku bekuko kuti abazalwana abasixe̔nxe; waza owokuqala wazeka wabuba; wati engenanzalo, wamshiyela kumninawe wake umfazi wake. 26Wenje njalo nowesibini, nowesitatu, kwada kwaba ngowesixe̔nxe. 27Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. 28Ngako eluvukweni, woba ngumfazi wawupina kwabo basixe̔nxe? ngokuba bonke bebenaye. 29Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Niyaposisa, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla katixo: 30ngokuba eluvukweni bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi zikatixo ezulwini. 31Kodwa ngako ukuvuka kwabafileyo, anikuleseshanga na oko kwatetwayo kuni ngutixo, esiti: 32Mna ndinguye utixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi? utixo aka ngutixo wabafileyo, ungowabahleliyo. 33Zati zakuva izihlwele, Zamangaliswa pezu kwesifundiso sake.
34Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye. 35Waza wabuza omnye wakubo obengumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti: 36Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina? 37Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. 38Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. 39Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. 40Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite.
41Kekaloku abafarisi behlanganisene nje, wababuza u‐Yesu, 42esiti: Niti nina ke ngaye u‐Kristu? ungunyana kabanina? Bati kuye: Ngoka‐Davide. 43Wati kubo: Uti nina pofu u‐Davide ngomoya ukumbiza ngenkosi, esiti: 44Wati uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? 45Ukuba ngoko u‐Davide uyambiza ngenkosi, uti nina ukuba ngunyana wake?
46Kwaye kungeko namnye ongampendulayo ngazwi: kanjako kuselokwa lamini akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in