Ivangeli ka‐Mateyu 27
27
1KEKALOKU kwakuba kusile, bacebisana bonke abaperisite abakulu nabadala babantu ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise. 2Baza bati bakuba bemnxibile, bamr̔ola, bamnikela ku‐Pontiyusi Pilati kwinkosi.
3Wandula u‐Jude, owamngcatshayo, akubona ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wazibuyisela kubaperisite abakulu nakubadala lomaqosha esilivere angamashumi matatu, 4esiti: Ndonile, igazi elingenatyala ndilingcatshile nje. Kodwa bati: Kuyinto nina kuti oko? kukangele ngokwako. 5Waza wawawisa lomaqosha esilivere etempileni apo, wemka, waya wazixo̔ma.
6Baza abaperisite abakulu batabata lomaqosha esilivere, bati: Akufanelekile ukuba afakwe etyeyeni yeminikelo, ngokokuba elinani legazi. 7Baza bacebisana, batenga ngawo intsimi yombumbi, ibe yindawo yokuncw̔atywa kwabasemzini. 8Ngoko kwabizwa intsimi leyo ngokuti yintsimi yegazi, kwada kwanamhla nje. 9Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti: Baza batabata lomaqosha esilivere engamashumi matatu, elinani lalowo kwenziwa inani ngaye, lowo walenzelwayo inani ngabo abosapo luka‐Sirayeli, 10bawanikela intsimi yombumbi, njengokuba ebendiyalele uyehova.
11Kekaloku u‐Yesu wema ebusweni benkosi. Yaza yambuza inkosi, isiti: Ungukumkani wama‐Juda na? Wayesiti u‐Yesu kuyo: Utsho wena. 12Kanti akunikwa ityala ngabaperisite abakulu nabadala, akapendula nto. 13Wandula wati u‐Pilati kuye: Akuva na izinto zininzi kangakanana abazinqi̔nayo ngakuwe? 14Akampendula ke nalinye ilizwi; yada yati nqa inkosi leyo kakulu.
15Kekaloku ngomtendeleko lowo inkosi ibiqelile ukukululela abantu umbanjwa abe mnye, lowo bamfunayo. 16Baye benaye ke oko umbanjwa owazekileyo kunene, o‐kutiwa ngu‐Baraba. 17Ngako, behlanganisene nje, wati kubo u‐Pilati: Nguwupina enifunayo ukuba ndinikululele yena? ngu‐Baraba na, ngu‐Yesu o‐kutiwa ngu‐Kristu kusinina? 18Ngokuba ebesazi ukuba babemnikele ngomona.
19Wati kekaloku ehleli nje esihlalweni sokugweba, umfazi wake watuma kuye; esiti: Ungenzi nto kulowamntu olungileyo; ngokuba intlungu ezininzi ndabendiziva namhla epupeni ngaye.
20Kodwa abaperisite abakulu nabadala bazicenga izihlwele, ukuba mazicele u‐Baraba, no‐Yesu mazimbubise. 21Yapendula ke inkosi yati kubo: Nguwupina kwaba babini enifunayo ukuba ndinikululele yena? Bati ke: Ngu‐Baraba. 22Wati kubo u‐Pilati: Ndize nditi nina ku‐Yesu o‐kutiwa ngu‐Kristu? Bati kuye bonke: Makakuruseshwe. 23Koko inkosi yati: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa bebedanduluka ngakumbi, besiti: Makakuruseshwe. 24Wati kekaloku u‐Pilati, akubona ukuba akancedi luto, koko ngokukumbi kusuka isipitipiti, watabata amanzi, wahlamba izandla zake pambi kwesihlwele, esiti: Andinatyala egazini lalomntu olungileyo; kukangeleni oko ngokwenu. 25Baza bapendula bonke abantu bati: Igazi lake malibe pezu kwetu, napezu kwabantwana betu. 26Wandula wabakululela u‐Baraba; kodwa u‐Yesu, akuba emtyabule, wamnikela ukuba akuruseshwe.
27Andula amasodati enkosi amsa u‐Yesu endlwini yenkosi, ahlanganisa ngakuye lonke ibandla lawo. 28Aza amhluba ingubo zake, amfaka isivato esibomvumnyama. 29Ati akuba elukile isitsaba ngemitolo, asibeka pezu kwentloko yake, nengcongolo esandleni sake sokunene; aza aguqa ngamadolo ebusweni bake, amhleka, esiti: A, kumkani wama‐Juda! 30Aza amtshicela, atabata ingcongolo leyo, ambeta entlokweni yake. 31Ati xeshekweni ebemhlekile, amhluba isivato eso, amambatisa ingubo zake; aza amr̔ola ukuya kukuruseshwa.
32Kekaloku nxa abepuma, afumana umntu wase‐Kirene, ogama lingu‐Simone: lowo amnyanzela ukuba atwale ikuruse yake. 33Ati akufika endaweni e‐kutiwa yi‐Gologota, oko kukuti, yindawo yenkankani, 34amnika iyasine ipitikeziwe kunye nenyongo ukuba asele; kanti akuyiva, ebengavumi ukusela. 35Kanjalo akuba ebemkuruseshile, azaba ingubo zake, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. 36Aza ati, ehleli pantsi, amgcina apo ke.
37Kwaye kubekwa ngapezu kwentloko yake ityala lake liba̔liwe ngokuti: Lo unguyesu ukumkani wamajuda.
38Kwandula kwakuruseshwa ndawonye naye amabada amabini, elinye ngasekunene, nelinye ngasekohlo.
39Bati kekaloku abadlulayo bamgxeka, behlunguzela intloko zabo, 40besiti nokuti: Wena uyici̔tayo itempile, ubuye uyake pakati kwentsuku ntatu, zisindise! ukuba ungunyana katixo, yihla ekuruseni. 41Kwa njalo ke nabaperisite abakulu, behleka, kunye nababa̔li nabadala, bebesiti: 42Abanye wabasindisa, yena ngokwake akangezisindise: ukuba ungukumkani wo‐Sirayeli, makehle kaloku nje ekuruseni, sasiya kukolwa nguye: 43utembele kutixo; makamhlangule kaloku nje, ukuba uyamtanda; ngokuba wabesiti: Ndingunyana katixo. 44Kanjako namabada, abekuruseshwe ndawonye naye, ebemtuka ngento enjalo.
45Kwati kekaloku kweyesitandatu iyure yada yayiyure yesitoba, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe.
46Waza ngeyesitoba iyure wamemeza u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eli! Eli! lama sabaketani? oko kukuti: Tixo wam! Tixo wam! undishiyile nganina? 47Baye besiti inxenye yabemi kona, bakuva: Uyambiza u‐Elija lo. 48Waselesuka wagidima omnye wakubo, watabata ikepekepe, walizalisa ngeyasine, walifaka engcongolweni, wamseza ke. 49Koko abanye bebesiti: Yeka, masibone ukuba uyeza na u‐Elija ukuza kumsindisa.
50Wati ke u‐Yesu, akupinda ukudanduluka ngelizwi elikulu, waku̔pa umpefumlo.
51Laza bona ke, ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi; wati umhlaba wangcangcazela, namawa acandeka; 52aza amancw̔aba avulwa, yati imizimba emininzi yabangcwele ababelele yavuswa, 53yapuma emancw̔abeni, emveni kwokuvuka kwake, yangena esixekweni esingcwele, yabonakala kwabaninzi.
54Kekaloku inkosikulu nabo babenayo begcina u‐Yesu, bakubona isingcangcazelo somhlaba nezinto ezenzekileyo, boyika kakulu, besiti: Ngenyaniso ebengunyana katixo lo.
55Kwaye kuko kona nabafazi abaninzi bebonela bekude, abebelandele u‐Yesu evela e‐Galili, bemkonza; 56owayeko pakati kwabo u‐Mariya wase‐Magadala, kwa no‐Mariya unina bo‐Yakobi no‐Jose, nonina bonyana baka‐Zebedi.
57Kwati ke kwakuhlwa, kweza umntu osityebi wase‐Arimateya ogama lingu‐Josefe, obengumdisipile ka‐Yesu naye: 58weza lowo ku‐Pilati, wacela umzimba ka‐Yesu. Wandula u‐Pilati waxela ukuba kunikelwe umzimba. 59Waza u‐Josefe watabata umzimba, wawusongela eqiyeni eshiceneyo emhlope, 60wawubeka kwelake incw̔aba elitsha, abelimbile eweni apo; waza waliqengqa ilitye elikulu ngasemnyango wencw̔aba, wemka ke. 61Baye beko kona u‐Mariya wase‐Magadala, nomnye u‐Mariya, behleli pantsi malungana nencw̔aba.
62Kekaloku ngomhla olandelayo, ongowasemva kwowokulungiselela, bahlanganisana abaperisite abakulu nabafarisi ngaku‐Pilati, 63besiti: Nkosi! sikumbule ukuba lowamkohlisi watsho nxa asahleli ukuti: Emveni kwentsuku ntatu ndobuya ndivuke. 64Yalela ngoko ukuba kuqiniswe incw̔aba lude lube lolwesitatu usuku; hlezibe abadisipile bake beze ebusuku bambe̔, baze bati ebantwini: Uvukile ekufeni; ize iti inkohliso yokupela igqitise eyokuqala ngokuba mbi. 65Wayesiti kubo u‐Pilati: Seninawo umlisela; hambani, niqinise ngendawo eniyaziyo. 66Baya ke baqinisa incw̔aba, bencamatisela ilitye, bemisa umlisela kanjalo.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Mateyu 27: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: