Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 4
4
1Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo nabalangazelelweyo, luvuyo lwam nesitsaba sam! qinisani njalo ukuma enkosini, batandwa!
2U‐Wodiya ndiyamyala, no‐Sintike ndiyamyala, ukuba babe nokuvumelana enkosini. 3Ewe ndiyakutandaza nawe, sinxulumane senyaniso! ukuba ubancede ababafazi, ekubeni bazamayo kunye nam evangelini, ndawonye naye no‐Kilemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
4Vuyani enkosini ngamaxesha onke: ndobuya nditi: Vuyani. 5Ukululama kwenu makwazeke kubo bonke abantu. Inkosi ikufupi. 6Ningabi nasitukutezi nganto; koko kuko konke ngokutandaza nangokukunga ndawonye nokubulela maziti ingcelo zenu zaziswe kutixo: 7lwaye uxolo lukatixo, oludlulayo konke ukuqonda, luya kugcina intliziyo zenu nenkumbulo zenu ku‐Kristu Yesu.
8Oko kuseleyo, bazalwana! izinto ezisukuba ziyinene, izinto ezisukuba zibekeka, izinto ezisukuba zifanelekile, izinto ezisukuba zicokisekile, izinto ezisukuba zitandeka, izinto ezisukuba zinokuduma okuhle; ukuba kuko into elungileyo, nokuba kuko into eyindumiso, zitelekeleleni ezizinto. 9Ezonto kanjalo enizifundileyo nazamkela, nenizivileyo nazibona kum, zona ezi zenzeni: waye utixo woxolo eya kuba nani.
10KEKALOKU ndavuya enkosini kakulu, ukuba kaloku nide nabuya nahluma ukundinonelela kwenu; enibe ninyamekela kwa kona, kodwa nibe ningenalo ituba. 11Kungekukuba nditeta ngokwokuswela: ngokuba ndifundile mna ukuti, kulontlalo endikuyo, ndibe nokukolwa. 12Ndiyakwazi ke ukuba sekutotyweni, ndiyakwazi kanjalo ukuba nobuninzi: kuko konke nasezintweni zonke ndikolisile ukufundiswa kwa nokuhluta nokulamba, kwa nokuba nobuninzi nokuba nokuswela. 13Zonke izinto ndingazenza kulowo undomelezayo, ku‐Kristu. 14Kodwa nalungisa noko, ukuba naninobudlelana nobunzima bam.
15Kanjako niyazi nani, ma‐Filipi! ukuba ekuqalweni kwevangeli, okuya ndemkayo e‐Masedoniya, akwabako nanye iṙemente eyabelana nam ngendawo yokupa nokwamkela, kupela nina nedwa: 16kuba nase‐Tesalonika, kwa kanye nakabini, natumela ukuswela kwam kum. 17Kungekukuba ndifuna isipiwo, koko ndifuna isiqa̔mo esikwandela ukubalelwa kwenu. 18Kodwa sendinazo into zonke, ndinobuninzi: ndizalisekile, ndizamkele nje ku‐Epafrodito izinto ezavela kuni, ivumba elimnandi, idini elikolekileyo, eliyolela utixo kakulu. 19Kodwa utixo wam uya kuzalisa konke ukuswela kwenu ngokwobutyebi bake ebungcwaliseni ku‐Kristu Yesu. 20Kekaloku kwa kuye utixo nobawo wetu makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
21Bulisani bonke abangcwele ku‐Kristu Yesu. Abazalwana abanam bayanibulisa. 22Bona abangcwele bonke bayanibulisa, kodwa abenje njalo kakulu bangabo basendlwini ka‐Kesare.
23Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 4: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: