YouVersion Logo
Search Icon

Imizekeliso 11

11
1ISILINGANISELO senkohliso siyintshontsho kuyehova; kodwa ilitye lokulinganisa elizalisekileyo liyimvuyiso kuye.
2Kuti kwakufika iratshi, kufike nehlazo; kodwa ubulumko bunabalulamileyo.
3Inene yabalungisayo yobakapa; kodwa inkani yabenza ngobuxoki yobacita.
4Ubutyebi abuncedi luto emhleni womsindo; kodwa ubulungisa buyasindisa ekufeni.
5Ubulungisa bofezekileyo bolungelelanisa indlela yake; kodwa okohlakeleyo wowa ngokukohlakala kwake.
6Ubulungisa babalungisayo bobasindisa; kodwa abenza ngobuxoki bobanjiswa ngobabo ubumenemene.
7Uti akufa umntu okohlakeleyo, isikangelo sake siya kububa; kanjalo itemba labangendawo liyabuba.
8Olungileyo uyahlangulwa ebunzimeni, aze angene okohlakeleyo esikundleni sake.
9Ngawo umlomo umginwa uyatshabalalisa ummelwane wake; kodwa ngako ukwazi kwabalungileyo, baya kusindiswa.
10Ebutamsanqeni babalungileyo, isixeko siyavuyelela; nasekububeni kwabakohlakeleyo, kuko umgcobo.
11Ngesitamsanqeliso sabalungisayo isixeko siyapakanyiswa; kodwa ngomlomo wabakohlakeleyo siyacitwa.
12Odela ummelwane wake, ngoswele ingqiqo; kodwa umntu wokuqonda woti cwaka.
13Ohambahamba ehleba, uyatyila amahlebo; kodwa omoya unyanisekile, uyafihla umcimbi.
14Nxa kungeko amaqinga alumkileyo, bayawa abantu; kodwa kuko ingciniso ebuninzini babacebisi.
15Uya kuzuza ingozi ngenyaniso lowo obambisele owasemzini; kodwa otiyayo ukubambana kwezandla unqabile.
16Umfazi onesoya uyabamba udumo; namadoda anamandla ayabamba ubutyebi.
17Umntu onobubele uyenzela owake umpefumlo okulungileyo; kodwa oyinqola uyakataza eyake inyama.
18Okohlakeleyo uyenza umsebenzi wenkohliso; kodwa ohlwayelayo ubulungisa woba nomvuzo wenene.
19Njengokuba ubulungisa bubang’ ubomi, kwa njalo oputuma inkohlakalo ubang’ ukufa kwake.
20Bayintshontsho kuyehova abantliziyo ibugwenxa; kodwa bayimvuyiso kuye abandlela ilungile.
21 Nangona isandla sibambana nesandla, akayi kuswela ityala okohlakeleyo; kodwa inzalo yabalungileyo yosindiswa.
22 Njengawo umsesane wegolide empumlweni yehangu, injalo inzwakazi engenakuqiqa.
23Inkanuko yabalungileyo kukulunga kupela; kodwa isikangelo sabakohlakeleyo singumsindo.
24Kuko ocitayo, kanti kusandiswa; kuko ovimbayo okupezu kwokumfaneleyo, kodwa kubang’ ubuhlwempu.
25Umpefumlo onesisa wotyetyiswa; nalowo onyelayo, uya kunyelwa yena naye.
26Obambayo inqolowa, abantu baya kumnywebelela; kodwa amatamsanqa oba pezu kwentloko yalowo otengelayo.
27Okutala ukufuna okulungileyo, uyafuna imbuko; kodwa ofunayo ububi, buya kumfikela.
28Otembela ebutyebini bake, yena uya kuwa; kodwa abalungileyo bocu̔ma njengamagqabi.
29Okatazayo eyake indlu, uya kulidla ilifa lomoya; kanjalo ihilihili loba sisicaka kolumkileyo ngentliziyo.
30Isixakato solungileyo singumti wobomi; kanjalo obambayo imipefumlo ulumkile.
31Bona ke, olungileyo uya kuvuzwa emhlabeni; kangakananina ngakumbi ke okohlakeleyo nomoni.

Currently Selected:

Imizekeliso 11: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in