Imizekeliso 8
8
1UBULUMKO abubizi na? nengqondo ayipakamisi na ilizwi layo? 2Engcopo yendawo ezipakamileyo ngasemendweni, pakati kwazo indlela buyazimisa. 3Ngecala lamasango, ekungenweni kwesixeko, ngasemnyango wengcango, buyadanduluka. 4Kwa kuni, madoda! ndiyabiza; ilizwi lam likubo onyana babantu. 5Nina zidenge! qondani ubuciko; nani mahilihili! qondani ingqiqo. 6Yivani; ngokuba ndiya kuteta izinto ezinobomi; nokuvula kwomlomo wam kwoba ngolungelelwano. 7Ngokuba ikuhlangubo lam liya kupimisela inyaniso; kanjalo ubumenemene buyintshontsho emlonyeni wam. 8Zonke iziteto zomlomo wam zisebulungiseni; akuko kuzo okujikayo nokugwenxa. 9Zisekuhleni zonke kuye oqondayo; zilungile kubo abafumanayo ukwazi. 10Yamkelani imfundiso yam, ningamkeli isilivere; kwa nokwazi ngapezu kwegolide edlulisileyo. 11Ngokuba ubulumko bulungile pezu kwerubi; nazo zonke izinto ezinqwenelekayo azingelingane nabo.
12Mna bulumko ndihleli nentelekeleliso; nokwaziwa kwamaqinga alumkileyo ndiyakufumana. 13Ukwoyika uyehova kukutiya inkohlakalo; ir̔atshi, nokuzidla, nendlela ekohlakeleyo, nomlomo wobumenemene, ndiyazitiya. 14Ubucebo bobam, nobuqiqo; ndiyingqondo; amandla angawam. 15Okumkani bapata ngam, nenkosi zimisa ubulungisa. 16Inkosana zipata ngam, nemiduna, kwa bonke abagwebi bomhlaba. 17Ndiyabatanda abo batanda mna; nabo bandifuna msinya, baya kundifumana. 18Ubutyebi bunam, nodumo; imfuyo engagugiyo, nobulungisa. 19Isixakato sam silungile pezu kwegolide, pezu kwegolide ecokisiweyo; nenzuzo yam pezu kwesilivere edlulisileyo. 20Ndiyahamba emendweni wobulungisa, pakati kwendlela zobugwebo; 21ukuze ndizuzise abanditandayo indyebo; ewe, indawo zabo zokubekela ndiya kuzizalisa.
22 Uyehova wandifuya ndikukuqala kwendlela yake, ingekabiko imisebenzi yake, kwa kudala. 23Kwa kunapakade ndatanjiswa, kwa sekuqaleni, ungekabiko umhlaba. 24Zakuba zingeko inzulu, bendizelwe; yakuba ingeko imitombo emanzi maninzi. 25Zingekaqinanga intaba, zingekabiko induli, ndandizelwe; 26nxa ebengekawenzanga umhlaba, nezindle, nolwokuqala utuli lwelizwe. 27Oko abelungisa amazulu, bendikona mna; oko abeba̔la isazinge pezu kwobuso benzulu; 28oko abeqinisa amafu ngapezulu; oko womelezayo imitombo yenzulu; 29oko wabekela ulwandle umda walo, ukuba amanzi angagqiti ilizwi lake; oko abemisa imisekelo yomhlaba; 30ndasendiko kufupi naye njengowondliweyo; ndandiluyolo lwake imihla ngemihla, ndigcoba pambi kwake ngamaxesha onke; 31ndigcoba kwezimiweyo indawo zomhlaba wake; lwaye uyolo lwam lwanonyana babantu.
32Ngako kaloku ndiveni, bonyanandini! ngokuba benetamsanqa abazigcinayo indlela zam. 33Yivani imfundiso, nilumke, ningayali. 34Unetamsanqa umntu ondivayo, elinda emasangweni am imihla ngemihla, egcina imigubasi yengcango zam. 35Ngokuba ondifumanayo efumana ubomi; uya kuzuza imbuko kuyehova. 36Kodwa owonayo kum, uyabandezela owake umpefumlo: bonke abanditiyayo bayatanda ukufa.
Currently Selected:
Imizekeliso 8: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: