Amaculo 148
148
ICULO CXLVIII.
1DUMISANI uyehova! — Dumisani uyehova kwa sezulwini; mdumiseni ezinyangweni. 2Mdumiseni, nonke nina zingelosi zake! mdumiseni, nonke nina mikosi yake! 3Mdumiseni, langa nenyanga! mdumiseni, nonke nina zinkwenkwezi zokukanya! 4Mdumiseni, mazulu amazulu! nani manzi angapezu kwamazulu! 5Makadumise igama likayehova; ngokuba waxela, adalwa ke. 6Uwaqinisile kude kube ngunapakade kanapakade: uwenze ummiso, ongayi kububa ke.
7Dumisani uyehova kwa semhlabeni: nina minenga, nani nonke zinzulu; 8mlilo nesico̔to, ngqweqwe nenkungu; moya woqwitela ulenza izwi lake; 9zintaba, nani nonke zinduli; miti yokuqa̔ma, nani nonke zisedare; 10maṙamnco, nani nonke zinkomo; zinambuzane, nani zintaka ezinamapiko! 11Okumkani bomhlaba, nentlanga zonke; inkosi, nabo bonke abagwebi bomhlaba; 12amadodana nentombi nazo; amaxego nabantwana; 13mabadumise igama likayehova: ngokuba ligama lake lodwa elipakamileyo; udumo lwake lungapezu kwomhlaba nezulu. 14Ulupakamisile upondo lwabantu bake, indumiso yabo bonke abangcwele bake; kwa olwosapo luka‐Sirayeli, abantu abakufupi naye. — Dumisani uyehova!
Currently Selected:
Amaculo 148: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: