Amaculo 55
55
ICULO LV.
Elika‐Davide, lokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote.
1BEKELA umtandazo wam indlebe, Tixo! ungazifihli ekukungeni kwam. 2Ndipulapule, undipendule: ndiyapalapala ekukalazeni kwam, ndenze impitimpiti; 3ngenxa yelizwi lotshaba, ngenxa yokubandezela kwokohlakeleyo: ngokuba beposa ububi pezu kwam, bendizonda ngomsindo. 4Intliziyo yam inokututumela pakati kwam; izoyikeko zokufa zindiwele. 5Kufike ukwoyika nokunkwantya pezu kwam; ingcangcazelo indigubungele. 6Ndaza ndati: Andaba ndapiwa amapiko njengehobe! bendiya kubaleka, ndipumle. 7Kangela, bendiya kusabela kude, ndihlale entlango. Sela. 8Bendiya kukaulezisa ukusinda kwam emoyeni oqutayo naseluqwiteleni.
9Tshabalalisa, Nkosi! yahlula ulwimi lwabo; ngokuba ndibonile ubudlwengu nenkani esixekweni. 10Emini nasebusuku ziyasiṙaula pezu kwendonga zaso; kuko inkohlakalo nobubi pakati kwaso. 11Ubumenemene bupakati kwaso; akumki ubuqinga nenkohliso enkundleni yaso.
12Ngokuba, asi lulo utshaba lo undigxekileyo; ngendinyamezele oko: asi ngonditiyileyo lo uzenze mkulu ngakum; ngendimzimele yena: 13koko enguwe, wena mntu ulingana nam, umkokeli wam, nomazane wam: 14esibe sinikana icebo ngokumnandi, sahambela endlwini katixo ngesipitipiti sovuyo. 15Ukufa makubaqubule, mabehlele ehadesi behleli; ngokuba kuko izinto ezikohlakeleyo emzini wabo, napakati kwabo.
16Ndiya kubiza kutixo mna; waeya kundisindisa uyehova. 17Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu, ndiya kuteta, ndigule; waeya kuva ilizwi lam. 18Ukulule umpefumlo wam wawubeka eluxolweni kuyo imfazwe ebingakum; ngokuba bebengakum ngobuninzi. 19Utixo uya kuva, ababandezele, kwa yena uhleliyo kwa kudala. Sela.
Ngenxa yokuba kungeko ziguquguquko kubo, abamoyiki ngoku utixo. 20Uzolule izandla zake ngakwabo babexolene naye: utshitshisile ucebano lwake. 21Umlomo wake waubutelezi ngapezu kwamafuta esibozi; kanti imfazwe ibisentliziyweni yake: amazwi ake ebegqitisile ioli ngokutamba; kanti ebengamaṙele ar̔oliweyo noko.
22Lahlela kuyehova umtwalo wako; wokuxasa ke yena: akasayi kuza avume ukuba olungileyo ashukunyiswe. 23Kodwa wena, Tixo! uya kubahlisela emnxunyeni wentshabalalo; abantu begazi nabenkohliso abayi kuqingatisa imihla yabo: kodwa mna ndiya kutembela kuwe.
Currently Selected:
Amaculo 55: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: