Amaculo 83
83
ICULO LXXXIII.
Iculo lika‐Safa, lokuvunywa.
1TIXO! zungabi nakupumla: zungati cwaka, zungati tu, Tixo! 2Ngokuba, kangela, intshaba zako zisenza impitimpiti; nabakutiyayo bepakamisile intloko. 3Bacebisene ngobuqinga ngakubo abantu bako, baqingene ngakubo abafihliweyo bako. 4Bate: Yizani sibati shwaqe bangabi sisizwe; lize igama lo‐Sirayeli lingabi sakunjulwa. 5Ngokuba becebisene ngentliziyo nye; benzile ucebano ngakuwe: 6intente zase‐Edome, nama‐Shimayeli; ama‐Mowabi, nama‐Hagare; 7aba‐Gebale, naba‐Hamoni, nama‐Amaleki; ama‐Filistiya, kunye nabemi base‐Tire: 8ama‐Asiriya nawo azibandakanyile nabo; aba yingalo kulo usapo luka‐Lote. Sela.
9Yenza kubo njengokwama‐Midiyane; njengokuka‐Sisera, njengokuka‐Yabine, emlanjeni we‐Kishone: 10ababujiswa e‐Hene‐dore, baba njengomgquba womhlaba. 11Yenza inkosi zabo njengo‐Worebe nanjengo‐Zibe; nazo zonke inkosana zabo njengo‐Zeba nanjengo‐Tsalemuna; 12abati: Masizibambe izindlu zikatixo zibe zezetu. 13Tixo! benze babe njengentenda: njengomququ pambi kwomoya. 14Njengokuba umlilo utshisa ihlati, nanjengokuba ilangatye livutisa intaba, 15kwa njalo bazingele ngoqwitela lwako, ubatuse ngesaqwiti sako. 16Zalisa ubuso babo ngedano; ize bafune igama lako, Yehova! 17Mabadaniswe batuswe kude kube ngunapakade; ewe, mabaviswe ihlazo, batshabalale: 18kuze kwaziwe ukuba wena, onegama eli nguyehova wedwa, ungopezu kwonke pezu kwomhlaba wonke.
Currently Selected:
Amaculo 83: XHO1902A
Highlight
Share
Copy

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: