Amaculo 86
86
ICULO LXXXVI.
Umtandazo ka‐Davide.
1TOBA indlebe yako, Yehova! undive; ngokuba ndilihlwempu, ndingosweleyo mna. 2Gcina umpefumlo wam; ngokuba ndiyingcwele: Tixo wam! sindisa isicaka sako esitembela kuwe. 3Yiba nofefe kum, Nkosi! ngokuba ndibizela kuwe imini yonke. 4Vuyisa umpefumlo wesicaka sako; ngokuba ndifunqulela kuwe umpefumlo wam. 5Ngokuba wena, Nkosi! ulungile, unokuxolela; unobubele obuninzi kubo bonke ababizela kuwe.
6 Yehova! nika indlebe emtandazweni wam; upulapule ilizwi lezikungo zam. 7Ngemini yobunzima bam ndobizela kuwe: ngokuba uya kundipendula. 8Pakati kwotixo akuko onjengawe, Nkosi! akuko nefana nemisebenzi yako. 9Zonke izizwe ozenzileyo zoza zibedeshe pambi kwako, Nkosi! zidumise igama lako. 10Ngokuba wena umkulu, uyenza imimangaliso; ungutixo wedwa.
11Ndifundise indlela yako, Yehova! ndiya kuhamba enyanisweni yako: yenza nye intliziyo yam ukwoyika igama lako. 12Ndobulela kuwe, Nkosi, Tixo wam! ngentliziyo yam yonke; ndiya kudumisa igama lako kude kube ngunapakade. 13Ngokuba ububele bako bukulu ngakum; uwuhlangule umpefumlo wam ehadesi engapantsi kanye.
14 Tixo! abaner̔atshi basukele ngakum, nentlanganiso yababandezeli ifunile umpefumlo wam: abakubekanga pambi kwabo. 15Kodwa wena, Nkosi! ungutixo onenceba nofefe, uqumba kade, unobuninzi bobubele nenyaniso. 16Beka kum, undipate ngofefe: nika isicaka sako amandla ako, usindise unyana wesicakakazi sako. 17Maundenzele umqondiso wokulungileyo, baze abo banditiyayo babone, badane; ngokuba wena, Yehova! undincedile, wandonwabisa.
Currently Selected:
Amaculo 86: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: