Isityilo sika‐Johane 12
12
1KWAZA kwabonakala umqondiso omkulu ezulwini; inkazana yambete ilanga, inenyanga pantsi kwenyawo zayo, nesitsaba senkwenkwezi zilishumi linambini pezu kwentloko yayo; 2iti imiti nje yakala, inenimba, inobuhlungu bokuba izale.
3Kwaza kwabonakala omnye umqondiso ezulwini; kekaloku bona ke, inamba enkulu ebomvu, inentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi, nekrone zisixe̔nxe pezu kwentloko zayo. 4Uti umsila wayo war̔ola isiqingata sesitatu senkwenkwezi zezulu, wazikahlela emhlabeni. Yaza inamba leyo yema pambi kwalonkazana iza kuzala, ukuze iti yakuzala imdle umntwana wayo. 5Yada yazala umntwana obudoda, oza kupata intlanga zonke ngentonga yesincete; wati umntwana wayo wasuselwa kuye utixo neterone yake. 6Yaza lonkazana yesabela entlango, apo ibinendawo ilungisiwe ngutixo, ukuze yondliwe kona imihla ibe liwaka linamakulu mabini anamashumi matandatu.
7Kwaye bekuko ukulwa ezulwini; u‐Mikaheli nengelosi zake balwa ngakuyo inamba; yalwa inamba nayo, nengelosi zayo, 8kanti azoyisa, nendawo yazo ayabi safunyanwa ezulwini. 9Yaza yakahlelwa lonamba enkulu, lonyoka yakudala, ebizwa ngo‐Mncetezi nango‐Satane, ekohlisayo elimiwayo lonke, yakahlelwa emhlabeni, nengelosi zayo zakahlelwa ndawonye nayo. 10Ndaza ndeva ilizwi elikulu lisiti ezulwini: Kaloku usindiso, namandla, nobukumkani buse bubobake utixo wetu, negunya lelika‐Kristu wake; ngokuba ekahlelwe pantsi umnikityala wabazalwana betu, obebanika ityala ebusweni botixo wetu emini nasebusuku. 11Bati bona bamoyisa ngenxa yegazi lemvana, nangenxa yelizwi lobunqi̔na babo; abatanda ke ubomi babo kwada kwakukufa. 12Ngako oko gcobani, nina mazulu, nani nihlala kuwo! Kwoba nzima kubo abemayo umhlaba nolwandle! ngokuba u‐Mncetezi ehlele kuni, enomsindo omkulu, esazi nje ukuba lixesha elincinane analo.
13Yati kekaloku inamba leyo, yakubona ukuba ikahlelwe emhlabeni, yatshutshisa lonkazana eyazalayo umntwana obudoda. 14Kwaza kwanikwa lonkazana amapiko amabini okozi olukulu, ukuze ibaleke iye entlango, endaweni yayo, apo isondliwa kona ixesha, namaxesha, nesiqingata sexesha, ifihlwe ebusweni bayo inyoka. 15Yaza inyoka yawaku̔pela emva kwenkazana kuwo umlomo wayo amanzi njengomlambo, ukuze iyenze yona ikukuliswe ngumlambo. 16Kanti umhlaba wayisiza inkazana, wati umhlaba wakamisa umlomo wawo, wawuginya umlambo lowo inamba yawuku̔payo kuwo umlomo wayo. 17Yaza yaqumba inamba leyo ngakuyo lonkazana, yapuma ukuya kwenza imfazwe nabaseleyo benzalo yayo, abayigcinayo imiyalelo katixo, abanabo ubunqi̔na buka‐Yesu kanjako.
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 12: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: