Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 13
13
1MAYITI yonke imipefumlo ilulamele kumagunya apezulu kuyo: ngokuba kungeko gunya, kupela elivela kutixo; lomagunya akoyo amisiwe ngutixo. 2Yena ngoko ozimisa ngakulo igunya, uyamelana nesimiselo sikatixo: kanjalo abo bamelayo baya kuzamkelela umgwebo. 3Ngokuba abapati bengesisoyikiso kuyo imisebenzi elungileyo, basiso kuyo ekohlakeleyo. Utanda ke na ukuba ungabi nakwoyika lona igunya? yenza oko kulungileyo, wauya kuzuza udunyiswa kwa kulo: 4ngokuba umpati engumkonzi katixo kuwe kube kokulungileyo. Kodwa xeshekweni ukwenza oko kukohlakeleyo, yoyika; ngokuba engafumani apate isiṙele: ngokuba engumkonzi katixo, umpindezeli kube ngumsindo kulowo ukwenza okukohlakeleyo. 5Ngako oko nifanelwe kukuba nilulamele, kungengenxa yomsindo kodwa, kungenxa yesazeliso kanjako. 6Ngokuba ngenxa yoku kanjalo ninikela iminikelo: ngokuba bengabakonzi bakatixo, behlala besebenza kwa lento. 7Nikelani ngoko kubo bonke oko kufanele bona: ube ngumnikelo kofanele umnikelo; ibe yincamlo kofanele incamlo; lube lulwoyiko kofanele ulwoyiko; ibe yimbeko kofanele imbeko.
8Ningabi netyala lanto emntwini, kupela libe lelokutandana; ngokuba otandayo omnye umntu efezile umteto. 9Ngokuba oku: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kunqwenela; nokuba kuko omnye umyalelo, uyafinyezelwa kwesisiteto, kwesokuti: Uyakutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. 10Utando alwenzeli ummelwane ububi: ngako utando lukukufezwa kwomteto.
11Nako oku masikwenze, silazi ixesha nje, lokokuba lise lilixeshana lokuba sivuke ebutongweni: ngokuba kaloku nje usindiswa lukufupi kuti ngakumbi kokuya saba ngamakolwa. 12Ubusuku buza kudlula; imini ke iyasondela, masiti ngoko sibeke nxamnye imisebenzi yobumnyama, sambate izixo̔bo zokukanya. 13Masihambe ngokufanelekileyo, njengasemini; kungabi ngemihlali yobusuku nangokunxila, kungabi ngemipimiso nangobutshinitshini, kungabi ngepike nangozondo. 14Koko yambatani inkosi u‐Yesu Kristu, nize ningayazaleleli inyama ukufeza inkanuko zayo.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 13: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: