Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 15
15
1Kanjalo tina banamandla sifanelwe kukutwala ubutataka babaswel’ amandla, singazikolisi. 2Masiti sonke ngabanye sikolise abamelwane betu ngoko kubalungele kube kukumiswa. 3Ngokuba no‐Kristu ebengazikolisi; koko, njengokuba kuba̔liwe: Izituko zabo babetuka wena zawa pezu kwam. 4Ngokuba konke okube kuba̔liwe pambili bekuba̔lelwe okwetu ukufundiswa, ukuze siti ngawo umonde nolwonwabiso lweziba̔lo sibe netemba. 5Wanga ke utixo womonde nolwonwabiso anganinika okokuba nibe nokuvumelana omnye nomnye njengokuka‐Kristu Yesu: 6ukuze kwa ngentliziyo nye niti ngomlomo mnye nimdumise yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu. 7Ngako oko yamkelanani, njengokuba no‐Kristu wasamkela tina, kube kukudunyiswa kukatixo.
8Nditi kekaloku, u‐Yesu Kristu wenziwe umkonzi wolwaluko, ngenxa yenyaniso katixo, kuze kuqiniswe amadinga abebekelwa oyise: 9bati ke abaheyideni badumise utixo ngenxa yobubele bake; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yoku ndobulela kuwe pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako. 10Uti nakanjako: Vuyani, baheyideni! kunye nabantu bake. 11Nakanjako: Dumisani uyehova, nonke nina baheyideni! nimbonge, nonke nina zizwe! 12Nakanjako, u‐Yisaya uti: Kwobako ingcambo ka‐Jese, novukayo ukuba yinkosi pezu kwabaheyideni; kwa kuyo yona abaheyideni baya kutemba. 13Wanga ke utixo wetemba anganizalisa ngalo lwonke uvuyo noxolo ekukolweni, nize nikolise ukwanda etembeni, ngamandla omoya oyingcwele.
14KEKALOKU ndikoliwe ngani, bazalwana bam! kwa mna ngokwam, ukuba nani ngokwenu nizele kukulunga, nizalisiwe kuko konke ukwazi, ninamandla okululekana kanjako. 15Kodwa ndiba̔lile ngokukalipileyo ngakumbi kuni, bazalwana! ngenxenye, njengonikumbuzayo, ngenxa yofefe endanikwa lona ngutixo, 16ukuba ndibe ngumkonzi ka‐Yesu Kristu ukuya kubaheyideni, ndisenza isikonzo somperisite evangelini katixo, ukuze ukunikelwa kwabaheyideni kube kukolekile, kungcwalisiwe ngomoya oyingcwele. 17Ndingaqa̔yisa ngoko ku‐Yesu Kristu ngezozinto zilunge kutixo. 18Ngokuba ndingayi kuka ndilinge ukuteta ngezozinto angazenzanga u‐Kristu ngam, kuze kuviwe ngabaheyideni, ngelizwi nangesenzo, 19emandleni emiqondiso nemimangaliso, emandleni omoya katixo; ndide ndati kwa kuyo i‐Yerusaleme nendawo ezipahlayo kwada kwase‐Lirikume, ndakolisa ukushumayela ivangeli ka‐Kristu; 20ndizamela kodwa ukuba ndenje nje ukuyishumayela, kungabi lapo u‐Kristu waselekankanyelwa kona, ukuze ndingaki pezu kwokuseka kwomnye umntu; 21koko, njengokuba kuba̔liwe: Abo kwakungatyelwanga nto ngaye kubo baya kubona; nabo bangevanga baya kuqonda.
22Ngako oku kanjalo ndibe nditintelwa futi kangaka ekuzeni kuni. 23Kodwa kaloku nje, ndingasenayo indawo kulamazwe, ndinesilangazelelo kanjako leminyaka mininzi sokuba ndize kuni, 24xeshekweni kusukuba ndihambela e‐Sipene, ndoza kuni: ngokuba nditemba ukunibona ekudluleni kwam, nokupelekelelwa nini ngakona, xeshekweni nditi kuqala ngenxenye ndikoliswe nini. 25Kodwa kaloku nje ndiyahambela e‐Yerusaleme, ndikonza abangcwele. 26Ngokuba kwanga kulungile kwabase‐Masedoniya nakwabase‐Akaiya, ukwenzela amahlwempu pakati kwabangcwele abase‐Yerusaleme umnikelo otile. 27Kwanga kulungile kubo; kanjalo banetyala kuwo. Ngokuba abaheyideni ukuba babelwe izinto zawo ezibumoya, bafanelwe kuko nokuba bakonze kuwo ezintweni ezibunyama. 28Ndiya kuti ngoko, nxa ndikufezile oku, nanxa ndisiqinisele kuwo isiqa̔mo esi, ndibuye ngani ukuya e‐Sipene. 29Kanjalo ndiyazi ukuba ndoti, ndakuza kuni, ndize ekuzaleni kwetamsanqa levangeli ka‐Kristu.
30Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, nangalo utando lwomoya, ukuba nizame kunye nam ekunditandazeleni kutixo; 31ukuze ndihlangulwe kubo abangevayo e‐Judeya; nokuze ukonzo lwam olwenzelwa i‐Yerusaleme lube lukole kile kwabangcwele; 32ukuze ndize ngovuyo kuni ngayo intando katixo, ndifumane ukupumla kunye nani. 33Wanga ke utixo woxolo angaba nani nonke. Amene.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 15: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: