Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 3
3
1Kuyinto nina pofu ukudlulisela kwom‐Juda? umhlaumbi kuyinto nina ukunceda kwokwaluka? 2Kuninzi ngendawo zonke: okona kukulu, kukuba kwabekelwa kubo amazwi katixo. 3Ngokuba kuyinina ukuba abakolwa inxenye? ukungakolwa kwabo kuya kutshitshisa na inyaniseko katixo? 4Kwanga kungebe njalo! makabe yinene utixo, nakuba bonke abantu bengamaxoki; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ukuze ube ugwetyelwa ezitetweni zako, weyise ekumenyweni kwako.
5Kodwa ukungalungisi kwetu ukuba kuyabonakalisa ubulungisa bukatixo, soti nina ke? Ungongalungileyo na utixo ohlisayo umsindo wake? (Ndiyateta njengokwabantu.) 6Kwanga kungebe njalo! ngokuba oko eya kuti nina ukugweba ilizwe? 7Ngokuba inyaniso katixo ukuba ite ngobuxoki bam yakolisa ukwandela ubungcwalisa bake, yinina ukuba ndisamenywa nam njengomoni? 8He, yinina ukuba singati, njengokuba kutetwa ngati ngokugxeka, nanjengokuba besitsho inxenye ukuba siti: Masenze okukohlakeleyo, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kufanelekile.
9Yinina pofu? sibagqitisele na? Nakanye: ngokuba sise simisile ityala kwa kuma‐Juda nakuma‐Girike, lokuba onke apantsi kwesono; 10njengokuba kuba̔liwe ukuti: Akuko olungileyo, hai namnye; 11akuko oqondayo, akuko ofuna utixo. 12Bapambukile bonke, bonakele kunye; akuko owenza okulungileyo, akuko noko amnye. 13Ummizo wabo ulincw̔aba elivulekileyo; bate ngelwimi zabo benza inkohliso; ubuhlungu bamar̔amba bupantsi kwemilomo yabo: 14abamlomo uzele kukuqalekisa nabubuṙaṙa: 15inyawo zabo zinamendu ukuya kupalaza igazi; 16uci̔takalo nosizi lusezindleleni zabo; 17nendlela yoxolo abayazanga: 18akuko ukwoyika utixo pambi kwamehlo abo.
19Kekaloku siyazi ukuba zonke izinto uzitshoyo umteto, uyaziteta kwabo bapantsi kwomteto; ukuze yonke imilomo ivingcwe, nalo lonke ilizwe limelwe kukugweba kukatixo: 20ngenxa yokuba kungayi kugwetyelwa namnye umntu ebusweni bake ngemisebenzi yomteto: ngokuba ngawo umteto kuko ukwaziwa kwesono.
21KODWA kaloku ngapandle kwomteto ubulungisa bukatixo bubonakalisiwe, bunqi̔nelwa ngumteto nabaprofite; 22kwa ubulungisa bukatixo ngalo ukolo luka‐Yesu Kristu ngakubo bonke napezu kwabo bonke abakolwayo; ngokuba kungeko ukwahluka: 23ngokuba bonke bonile, bengafikeleli kubo ubungcwalisa bukatixo; 24begwetyelwa ngesisa lufefe lwake ngalo ukululwa olukuye u‐Kristu Yesu; 25ate utixo wambeka ngapambili ukuba sisihlaulelo ngalo ukolo egazini lake, kube kukubonakaliswa kwobulungisa bake, ngenxa yokuyekelwa kwezono ezibe zenziwe pambili, ekunyamezeleni kukatixo; 26kuze kube kukubonakaliswa kwobulungisa bake kwelixesha lakaloku nje, ukuze abe elungile, nxa agwebelayo owaselukolweni luka‐Yesu.
27Kupina pofu ukuqa̔yisa? Kuvalelwe pandle. Ngowanina umteto? ngowemisebenzi na? Nakanye; koko ngawo umteto wokolo. 28Siyatelekelelisa ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa lukolo ngapandle kwemisebenzi yomteto. 29Utixo ungowama‐Juda odwa na? akangowabaheyideni nabo na? Ewe, ngowabaheyideni nabo: 30ekubeni ke utixo emnye, oya kugwebela abanokwaluka ngetuba lokolo, nabanokungaluki ngalo ukolo. 31Umteto pofu siyawutshitshisa ngalo ukolo na? Kwanga kungebe njalo! koko siwumisayo umteto.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 3: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: