KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 15
KwabaseKorinte 1 – 15
1Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo kuzo; 2Nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa. 3Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu, ngokwezibhalo; 4nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo; 5nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini. 6Emveni kuko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, ababengaphezu kwamakhulu amahlanu; abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa. 7Emva koko wabonwa nguYakobi; emva koko kubo bonke abapostile. 8Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim. 9Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo. 10Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam. 11Ngoko ke, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa. 12Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo? 13Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu; 14Ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. 15Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo; ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu, angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki. 16Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. 17Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu; nisesezonweni zenu; 18ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele. 19Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke. 20uKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. 21Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. 22Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke. 23Elowo ke kolwakhe uluhlu; kamva abakhe bangabakaKristu ekufikeni kwakhe. 24Kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. 25Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. 26Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; 27Kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, zonke izinto zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. 28Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke. 29Okanye baya kuthini na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abavuki? yini na ke ukuba babhaptizelwe abafileyo? 30Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke? 31Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu. 32Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? masidle, sisele; kuba ngomso siya kufa. 33Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. 34Vumelani ubulungisa, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho ukuba nidane. 35Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? beza benamzimba mni na? 36Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife; 37Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; 38Kodwa uThixo ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. 39Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. 40Kukho nemizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni; kodwa ubuqaqawuli bowasezulwini bunye, bubodwa ubuqaqawuli bowasemhlabeni. 41Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli. 42Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Uhlwayelwa unokonakala; luvuswa lungenakonakala; 43Uhlwayelwa uswele imbeko; Uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unobuqaqawuli; luvuka lusemandleni; 44Kuhlwayelwa umzimba wemvelo; kuvuka umzimba womoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. 45Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. 46Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya, kwandule ke oko koMoya. 47Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu ke, iNkosi, uphume emazulwini. 48Njengoko enjalo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abo basemazulwini. 49Njengoko sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. 50Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. 51Niyabona, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; Asiyi kulala sonke, kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke; 52Ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela; kuba liya kukhala ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. 53Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. 54Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. 55Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? luphi na, bethuna, uloyiso lwakho? 56Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. 57Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu. 58Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 15: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: