KaPetros 1 KaPetros 1 – 2
KaPetros 1 – 2
1Kungoko ndithi, nibulahle ke bonke ububi, nalo lonke ulunya, nokuhanahanisa, nomona, nazo zonke izinyeliso; 2Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi lwelizwi, ukuze nikhule ngalo; 3ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele. 4Lowo usiza kuye njengelitye eliphilileyo, elicekiswe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabileyo; 5Nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa amadini angoMoya, awakholekileyo kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. 6Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. 7Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; 8Ilitye ke lokuwisa, iliwa lesikhubekiso, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; 9Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo; ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; 10enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. 11Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. 12Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. 13Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yeNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; 14nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. 15Kuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda; 16nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo. 17Bekani bonke abantu. Thandani abazalwana. Yoyika uThixo. Beka ukumkani. 18Nina bakhonzi, bathobeleni ninako konke ukoyika iinkosi zenu; ingabi kwabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. 19Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. 20Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyathandeka kuThixo. 21Nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: 22ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; 23owathi, etshabhiswa, akaphindi atshabhise; Uthe esiva ubunzima, akasongela; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngobulungisa; 24Owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; 25Kuba beninjengezimvu zilahlekile; kodwa ngoku nibuyele kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.
Currently Selected:
KaPetros 1 KaPetros 1 – 2: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: