uSamuweli 1 13:13-14
uSamuweli 1 13:13-14 CXB24
Wathi uSamuweli kuSawule, Wenze ngobudenge, akwawugcina umthetho kaYehova uThixo wakho owawuwisayo; ngokuba uYehova ebeya kubumisa ubukumkani bakho kwaSirayeli kude kuse ephakadeni. Kodwa ngoku, ubukumkani bakho abuyi kubakho; uYehova wakhangela indoda entliziyweni yayo, wayimisa uYehova ukuba ibe ngumlawuli wabantu bakhe, ngokuba engayigcinanga imithetho kaYehova.