KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 4
KwabaseTesalonika 1 – 4
1Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. 2Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngeNkosi uYesu. 3Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; 4ukuze elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; 5kungabi ngenkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; 6Ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo, ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezo zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. 7Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. 8Ngoko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele. 9Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele, kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane. 10Okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Ke siyanibongoza, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi; 11Nikhuthalele ukuzola, nenze imicimbi yenu, nisebenze ngezandla zenu, njengoko saniwisela umthetho ngako; 12ukuze nihambe ngokunyanisekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto. 13Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. 14Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye. 15Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa. 16Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; 17sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi. 18Ngoko ke, thuthuzelanani ngala mazwi.
Currently Selected:
KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 4: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: