KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 1
KuTimoti 1 – 1
1uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokomthetho kaThixo uMsindisi wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, ithemba lethu; 2ubhalela uTimoti, umntwana wakhe kanye ngokwaselukholweni; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uBawo, noKristu Yesu iNkosi yethu. 3Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, uhlale e-Efese, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi; 4kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zisingise elukholweni; 5Ke intsingiselo yomthetho iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo; 6abathe abathile, beziphosile kuzo, baphambukela ekuthetheni okungento yanto; 7bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho; bengaziqondi izinto abazithethayo, kwanezingqinayo. 8Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho; 9nisazi nje oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lilungisa, uwiselwe abachasene nomthetho, nabangevayo, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, abahlambelayo, ababulali ooyise, ababulali oonina, izigwinta; 10Abenzi bombulo, amadoda azenza iinqambi, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo; 11ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna. 12Ndiyambulela uKrestu Yesu iNkosi yethu, owandinika amandla, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini. 13Ndandifudula ndingumnyelisi, nomtshutshisi, nomphathi kakubi; ndesuka ndenzelwa inceba, ngokuba ndakwenza oko ndingazi, ndisekungakholweni; 14Yanda ngokuncamisileyo ubabalo lweNkosi yethu, lunokholo nothando olukuKristu Yesu. 15Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo; 16Noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade. 17Kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 18Loo myalelo ndiwunika wena Timoti, mntwana wam, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe imfazwe entle ngazo. 19Yiba nokholo, nesazela esilungileyo; abathe abathile balululahlile ukholo, baphukelwa ngumkhombe; 20inoHimenayo noAlesandire; endibanikele kuSathana, ukuze bafunde ukunganyelisi.
Currently Selected:
KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 1: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: