KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 5
KuTimoti 1 – 5
1Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana; 2Abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke. 3Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene. 4Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo. 5Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; 6Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi. 7Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakusoleka. 8Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo. 9Makangabalelwa enanini lomhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu, engumfazi wandoda-nye; 10engqinelwe ngemisebenzi emihle; ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo. 11Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala kuKristu, baya kutshata; 12benesigwebo ngenxa yokuba belulahle ukholo lwabo lokuqala. 13Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, besuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo. 14Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa. 15Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana. 16Ukuba kukho abahlolokazi abakholwayo, indoda nokuba yinkosikazi, makabancede, bangathwali ibandla; ukuze ibasize abahlolokazi okwenyaniso. 17Amadoda amakhulu alongamela kakuhle makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindiweyo, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni. 18Kuba isibhalo sithi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. 19Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu. 20Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika. 21Ndiyakuyala phambi koThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani. 22Uze ungabeki mntu izandla ngesiquphe, ungadlelani nabo ngezono zabanye; zigcine nyulu. 23Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi. 24Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye bayawalandela. 25Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye; nezingenjalo azinakufihlakala.
Currently Selected:
KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 5: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: