YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 6

KwabaseKorinte 2 – 6
1Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele; 2Kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, ndakusiza ngomhla wosindiso; yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso: 3singabakhubekisi nanye into, ukuze ubulungiseleli bungabi nakubekwa bala; 4sithi ke, ezintweni zonke sibonakalalisa njengabalungiseleli bakaThixo, sinokuzeka kade umsindo, sibandezelekile, sisezingxalweni, sibandezelekile; 5Ngokuba ngemivumbo, ngokuba sezintolongweni, nasezidubedukeni, ngokubulaleka, ekuphandeni, ngokuzila ukudla; 6ngobunyulu, ngolwazi, ukuzeka kade umsindo, ngobubele, ngoMoya oyiNgcwele, naseluthandweni olungenaluhanahaniso, 7Ngelizwi lenyaniso, ngamandla kaThixo, ngesikrweqe sobulungisa ngasekunene nangasekhohlo; 8sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; njengabakhohlisi, ukanti siyinyaniso; 9ngathi singabangaziwayo, ukanti saziwa kakuhle; ngathi singabafileyo, nanku sidla ubomi; singabohlwaywa, singabulawa; 10ngathi sibuhlungu, ukanti sihlala sivuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi; ngokungathi singenanto, ukanti sinezinto zonke. 11Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi. 12Anibandezanga nto kuthi, nibandezelekile ezibilini zenu. 13Umbuyekezo ke lowo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani. 14Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? 15Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasabelo sini na ke okholwayo kunye nongakholwayo? 16Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. 17Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; kwaye ndiya kunamkela; 18Ndiya kuba nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum; itsho iNkosi uSomandla.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in