KaPetros 2 KaPetros 2 – 3
KaPetros 2 – 3
1Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini; endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza; 2ukuze niwakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile bethu beNkosi uMsindisi; 3nikwazi oku kuqala, ukuba kuya kufika ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko; 4besithi, Liphi na idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, zonke izinto zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo. 5Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi emanzini, ngalo ilizwi likaThixo; 6elathi ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala. 7Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo. 8Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye. 9iNkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; uzeka kade umsindo wethu ngenxa yethu, engathandi ukuba kutshabalale nabani na kodwa ukuze bonke bafikelele enguqukweni. 10Imini yeNkosi iya kufika njengesela ebusuku; eliya kuthi ngalo izulu lidlule ingxokozelo, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo iya kutsha itshiswe. 11Ekubeni ngoko zonke ezi zinto ziya kuchithakala, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo; 12Niyilindele, nikungxamile, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngayo izulu litshe lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike. 13Thina ke ngokwedinga lakhe silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, apho kumi ubulungisa. 14Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako. 15Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso; njengokuba wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda, uPawulos, ngokobulumko awabunikwayo; 16njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo. 17Nani ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina. 18Kodwa khulani elubabalweni nasekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. Kuye malubekho uzuko nangoku, kuse nakwimini engunaphakade. Amen.
Currently Selected:
KaPetros 2 KaPetros 2 – 3: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: