KwabaseTesalonika 2 KwabaseTesalonika 2 – 1
KwabaseTesalonika 2 – 1
1uPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu; 2bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 3Simelwe kukuhlala sibulela kuThixo ngenxa yenu, bazalwana, njengokuba kufanelekile, ngokuba lukhula ngokugqithiseleyo ukholo lwenu, lusanda uthandano lwenu nonke ngabanye; 4Ngoko ke siyaqhayisa ngani phakathi kwamabandla kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, neembandezelo enizinyamezelayo. 5Nguwo lowo umbonakalaliso womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima; 6ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo; 7Nina ke, nina babandezelwayo, aniphumle kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zayo ezinamandla; 8inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; 9bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo; 10Xa ithe yeza kuzukiswa kubangcwele bayo, imangaliseke kubo bonke abakholwayo (ngokuba nakholwa bubungqina bethu kuni), ngaloo mini. 11Kungoko sihlala sinithandazela, ukuba uThixo wethu anibalele ekuthini nilufanele ubizo olu, azalise ngamandla onke ukuthanda kwakhe ukulunga, nomsebenzi wokholo; 12ukuze lizukiswe igama leNkosi yethu uYesu Kristu kuni, nani nizukiswe kuye, ngokobabalo lukaThixo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
Currently Selected:
KwabaseTesalonika 2 KwabaseTesalonika 2 – 1: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: