KuTimoti 2 KuTimoti 2 – 1
KuTimoti 2 – 1
1uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, 2ubhalela uTimoti, unyana wam oyintanda; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu. 3Ndiyabulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini; 4Ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo; 5Ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike; ndeyisekile ke kukuba nakuwe. 6Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho. 7Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; koko ngamandla, nangothando, nangengqondo ephilileyo. 8Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; 9owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade. 10Kodwa ngoku yabonakaliswa ngokubonakala koMsindisi wethu uYesu Krestu, owakubhangisayo ukufa, waza waveza ubomi nokungonakali ekukhanyeni ngazo iindaba ezilungileyo; 11endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile nomfundisi weentlanga. 12Kungenxa yoko le nto ndibandezelekayo; noko ke andinazintloni, kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kananjalo ndeyisekile kukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini. 13Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu. 14Loo nto ilungileyo uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu. 15Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; ekubo inguFigelo noHermogene. 16iNkosi mayiyenzele inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. 17Uthe akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. 18Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Wena uzazi kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.
Currently Selected:
KuTimoti 2 KuTimoti 2 – 1: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: