KwabaseKolose KwabaseKolose 4
KwabaseKolose 4
1Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini. 2Hlalani nithandaza, nizilinde kuko oko ninombulelo; 3nisithandazela kananjalo, ukuba uThixo asivulele umnyango wentetho, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo; 4ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako. 5Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli. 6Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye. 7Izinto zonke ezilunge nam uya kunazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini; 8endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu; 9kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ophuma kuni. Baya kunazisa zonke izinto ezenzekayo apha. 10Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni; 11noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum. 12Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo. 13Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli. 14Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas. 15Imibuliso kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe. 16Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike. 17Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise. 18Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Khumbulani iintambo zam. Ubabalo malube nani. Amen. (Yabhalwa eRoma ukuya kwabaseKolose nguTikiko no-Onesimo.)
Currently Selected:
KwabaseKolose KwabaseKolose 4: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: