KumaHebhere KumaHebhere 13
KumaHebhere 13
1Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli. 2Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi. 3Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani. 4Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba. 5Iihambo zenu mazingabi nankanuko; yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo ukuthi, Andiyi kukha ndikushiye, ndingayi kukushiya; 6ngokokude somelele sithi, iNkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; 7Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo. 8uYesu Krestu ikwanguye izolo, nanamhla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. 9Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo. Kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo. 10Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba. 11Kaloku ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba. 12Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngegazi elilelakhe, weva ubunzima ngaphandle kwesango. 13Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe. 14Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza. 15Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe. 16Ke ukwenza okulungileyo nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo. 17Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaza kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko. 18Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle. 19Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane. 20Ke kaloku uThixo woxolo, owamvusayo kwabafileyo iNkosi yethu uYesu Kristu, uMalusi omkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, 21wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 22Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane. 23Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe; endothi, ukuba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye. 24Babuliseni bonke abakhokeli benu, nakubo bonke abangcwele. Bayanibulisa abemi baseItali. 25Ubabalo malube nani nonke. Amen. (Ibhalelwe amaHebhere evela eItali, nguTimoti.)
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 13: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: