KumaHebhere KumaHebhere 4
KumaHebhere 4
1Masoyike ngoko ke, hleze kuthi, xa lithe lalisakho idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho namnye kuni ongathi usilele kulo. 2Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; kodwa lona ilizwi lodaba lingadibananga nje nokholo kwabo balivayo, alabanceda nto. 3Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kwasekusekweni kwehlabathi. 4Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngomhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe. 5Athi kule ndawo, Ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam. 6Njengokuba ke kusasele abathile ukuba bangene kuwo, bathi ke abo, kwashunyayelwa iindaba ezilungileyo kuqala kubo, bangangenanga ngenxa yokungakholwa. 7Ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu. 8Kuba uYesu, ukuba ubebaphumzile, ange engabuyanga athethe ngawo omnye umhla. 9Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha. 10Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe. 11Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva. 12Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo. 13Kananjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; zonke izinto ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye. 14Ngoko, sinombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, uYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu. 15Kaloku asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, ulingwa ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono. 16Masisondele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 4: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: