YouVersion Logo
Search Icon

KumaHebhere KumaHebhere 6

KumaHebhere 6
1Ngoko ke masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi sibeke isiseko senguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo; 2yemfundiso yeembhaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyomgwebo ongunaphakade. 3Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma. 4Kuba akunakwenzeka ukuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasezulwini, baba nesabelo kuMoya oyiNgcwele; 5Baliva ilizwi elilungileyo likaThixo, kwanamandla ehlabathi elizayo; 6ukuba bathe bakreqa, ukuze babuye bahlaziyeke enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni. 7Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa kubo, wamkela intsikelelo kuThixo. 8Ke wona, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; okuphela kwawo kukutshiswa. 9Ke ngani nina, zintanda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha; 10Kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela. 11Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni; 12Kodwa ke nibe ngabaxelisa abo bathi ngokholo nangomonde bawadla ilifa amadinga. 13Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena; 14Esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise. 15Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga. 16Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sithi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni. 17Uthe ngoko uThixo, athe wathi, ethanda kakhulu ukukubonakalalisa kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka wakwenza ngesifungo; 18ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi, thina basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe nentuthuzelo eqinileyo; 19Ithemba ke esinalo ngokweankile yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo; 20apho umanduleli wangena khona ngenxa yethu, uYesu, ethe ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu ongunaphakade.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in