EkaJakobi EkaJakobi 4
EkaJakobi 4
1Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziphumi na apha ezinkanukweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? 2Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakuzuza nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli. 3Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu. 4Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko angaba sisihlobo salo ihlabathi, utshaba lukaThixo. 5Ngaba isibhalo sifumana sithetha ukuthi: “Umoya ohleli ngaphakathi kwethu ukhweletisa? 6Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko athi, uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. 7Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. 8Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni; nenze nyulu iintliziyo zenu, nina bamphefumlo umbaxa. 9Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, novuyo lwenu lube kukuthi dakumba. 10Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa. 11Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha kakubi ngomzalwana wakhe, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, egweba umthetho; kodwa ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi. 12Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye? 13Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze; 14Kaloku ningayazi nje into eya kwenzeka ngomso. Kuba buyintoni na ubomi bakho? Kungumphunga obonakala ixesha elifutshane, uze ke uthi shwaka. 15Kungoko ningathi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le, nalaa nto. 16Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo kubi. 17Ngoko ke lowo ukwaziyo ukwenza okulungileyo angakwenzi, kusisono kuye.
Currently Selected:
EkaJakobi EkaJakobi 4: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: