uYohane uYohane 16
uYohane 16
1Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa. 2Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. 3Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam. 4Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andizithethanga kuni kwasekuqaleni, ngokuba bendinani. 5Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na? 6Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu. 7Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni. 8Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; 9ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; 10ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; 11ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe. 12Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku. 13Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; uya kuthetha athe wakuva, anibikele izinto ezizayo. 14Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. 15Zonke ezo anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke. 16Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo. 17Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo. 18Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asinakuyazi into ayithethayo. 19Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone? 20Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo. 21Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini. 22Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni. 23Ngaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. 24Okwangoku anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. 25Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngezafobe; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo. 26Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, mna ndiya kunicelela kuBawo; 27Kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. 28Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo. 29Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha. 30Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo. 31Wawaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku? 32Niyabona, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam. 33Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; kodwa yomelelani; mna ndiloyisile ihlabathi.
Currently Selected:
uYohane uYohane 16: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: