uYohane uYohane 20
uYohane 20
1Ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni. 2Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi apho bayibeke khona. 3Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni. 4Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. 5Uthe ke eqonde, wabona iingubo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangena. 6Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone iingubo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; 7neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile. 8Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa; 9Kuba babengekasiqondi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo. 10Babuya ke bagoduka abafundi. 11Ke yena uMariya wema ngaphandle ngasengcwabeni elila. 12Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu. 13Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kubo, Ngokuba bayithathile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona. 14Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu. 15Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha. 16Athi uYesu kuye, Mariya. Wajika ke, wathi kuye, Rabhoni; oko kukuthi, Mfundisi. 17Athi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke hamba uye kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; nakuThixo wam, nakuThixo wenu. 18Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye. 19Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. 20Akuba etshilo wababonisa izandla necala lakhe. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi. 21Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina. 22Akuba etshilo wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele; 23abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile. 24Kodwa uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu. 25Bathi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa. 26Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe, wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon’ ukuba zivaliwe iingcango, wema phakathi, athi, Uxolo malube nani. 27Aze athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; khawusondeze apha isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo. 28Waphendula uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam! 29Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. 30Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi; 31Kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.
Currently Selected:
uYohane uYohane 20: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: