uMateyu uMateyu 22
uMateyu 22
1Wabuya waphendula uYesu wathetha kubo ngemizekeliso, wathi, 2Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owenzela unyana wakhe umtshato; 3Wasusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni, kodwa abavumanga ukuza. 4Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. 5Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. 6Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. 7Evile ke ukumkani, waqumba, wawukhupha umkhosi wakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. 8Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. 9Yiyani ngoko ezindleleni, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. 10Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. 11Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. 12Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? Wabe engathethi. 13Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 14Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. 15Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. 16Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. 17Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? 18Eyazi ke uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? 19Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo. 20Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? 21Bathi kuye, NgokaKesare. Athi kubo, Ngoko ke buyiselani izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo. 22Bakukuva ke oko, bamangaliswa, bamshiya, bemka. 23Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko, bambuza, besithi, 24besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. 25Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. 26Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. 27Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. 28Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? kuba bonke babenaye. 29Waphendula uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. 30Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengezithunywa zikaThixo emazulwini. 31Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, 32Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? uThixo akangowabafileyo, ungowabaphilileyo. 33Zathi izihlwele zakukuva oko, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe. 34Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. 35Ke kaloku omnye wabo, ongumqondisi-mthetho, wambuza umbuzo, emlinga, esithi, 36Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? 37Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. 38Lo ngowokuqala nomkhulu umthetho. 39Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. 40Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. 41Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wababuza, 42esithi, Nithini na nina ngoKristu? ngunyana kabani na? Bathi kuye, Nyana kaDavide. 43Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, 44Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? 45Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? 46Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 22: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: